Home Iindaba Ilahlile Imipu kwiziganeko zolwaphulo mthetho eGqeberha

Ilahlile Imipu kwiziganeko zolwaphulo mthetho eGqeberha

Amagosa asebupoliseni azula zula kwindawo ezithandwa kakhulu kumasipala ombaxa ahlala ethe qwa kwaye kwaye ephaphile nakubaphi na abantu okanye intshukumo ekrokrayo kwaye azakuthatha amantathelo ukuqinisekisa ukuba imipu iyakhutshwa ezandleni zozaphuli-mthetho.

Kwiziganeko ezahlukeneyo ngoMgqibelo, umhla wamashumi amabini kuCanzibe abantu ababini babanjwa bephethe imipu engekho mthethweni. Kwisehlo sokuqala, malunga nentsimbi yethoba ebusuku amalungu eSAPS Gelvandale Crime Prevention ayejikeleza kwindlela iDinsmore eSchauderville ngethuba eqaphela indoda enxibe iimpahla ezimnyama. Bathi besamile, inqwelo yamapolisa, umntu waqalisa ukubaleka. Amalungu ayeshushu ezithendeni zakhe, kwaye aqaphela ukuba njengoko wayebaleka, waphosa into phantsi. Wabanjwa. Umpu we-9mm, iimbumbulu ezisixhenxe kunye nepakethi encinci yeKhat yathinjwa. Lo mfana uneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala uvalelwe ngezityholo zokuba nompu kunye neembumbulu ngokungekho mthethweni kunye nokuba neziyobisi.

Kwakhona, kwangobo busuku, malunga nentsimbi yeshumi elinanye, iqela laseGqeberha K9 lincediswa ngamalungu eFlying Squad lamisa i-VW Golf emhlophe enamadoda amane awayekhwele kummandla waseWalmer. Njengoko isithuthi sasimisa, amalungu aqaphela ukuba kukho ukushukuma kwisithuthi. Abahlali bakhutshwa bagqogqwa. Indoda eneminyaka engamashumi amane anantathu (43) ubudala yabanjwa inompu kunye neembumbulu ezingavumelekanga.

Kwakhona kwesinye isiganeko, amalungu eSAPS Gelvandale aphinde abamba indoda eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala ngoLwesine womhla weshumi elinanye kuCanzibe ngesityholo sokuba nompu ongekho mthethweni. Kutyholwa ukuba ngethuba amalungu ejikeleza, aqaphela umrhanelwa ephuma kwindawo yeziyobisi kwisitalato iKoedoe. Umrhanelwa uye wanqunyanyiswa kugqogqa ingxowa yakhe yesilingi, kwafunyanwa umpu we-9mm.

Abarhanelwa ababanjiweyo kulindeleke ukuba bavele kwiinkundla zikamantyi ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesibini (22/05). Imipu eyohluthiweyo iya kuthunyelwa kuvavanyo lwebhola.

Kwiinyanga ezintathu ezidlulileyo, amapolisa aseNelson Mandela Bay afumene imipu engaphaya kwekhulu namashumi amahlanu.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuyisile Ncata uziqhwabele izandla iinzame zamalungu kumasipala ombaxa kwaye waphinda wathi amapolisa azakuthi gqolo egxile ekwandeni kwemipu engekho mthethweni kwiindawo ezinemipu.

Imibuzo: Col Priscilla Naidu
071 362 8726

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks