IMamelodi Sundowns izibekele indawo kumagqibela kankqoyi wendebe yeNedbank neqela iOrlando Pirates mdlalo lowo ubhengezwe ukuba uzakudlalelwa kwiphondo laseMpumalanga kwibala iMbombela ngomhla wokuqala kule izayo inyanga yeSilimela. Abuyellow ibethe iStellies ngamanqaku amabini kwelinye(2-1).
ISundowns ibethe iqela lebhola ekhatywayo laseKapa iStellenbosch FC ngemvakwemini yaphezolo ngecawa ezintsukwini umhla wesihlanu(03) kuCanzibe nalapho inkundla yezemidlalo iDanie Craven nebigcwele imi ngeembambo ingumbo nomxesiba inkungu nelanga abe amatikiti ethengwe onke.
Umdlalo wamandulela kamagqibela kankqoyi uqale kakuhle labe iqela leminwana phezulu lihlasela kodwa iStellies singayekelelanga mxakatho nayo izeka mzekweni. Nangona bekuhlaselwana kodwa amasandawana ebequqa ebuyelela kwiimpondo zeStellenbosch kwangoko bafaka inqaku, batsho bahamba phambili ngelinye eqandeni(1-0) ngenqaku elifakwe nguKhuliso Mudau kumzuzu weshumi elinanye(11). Adlalile lamaqela kunjalo nje kwabe kukho amathuba amahle macala kodwa iiBrazilians zabe zibonakala zinxanwe, zikwalambile ngamandla zifuna indebe yesithathu kulonyaka webhola nalapho bephindile bafaka elesibini kwisiqingatha sesibini lifakwa ngumdlali owayesakudlalela ezimnyama ngenkani uThembinkosi Lorch nolifake kumzuzu wamashumi asixhenxe anesine(74).
Isiqingatha sokuqala siphele amakhwenkwe kaMokwena enqenqeza phambili ngenqaku alinye eqandeni. Kubuyiwe kwisiqingatha sesibini yabe iStellies ivuselelekile ihlasela kodwa nayo iSundowns ibuye ngamandla yazixelela ukuba ayikagqibi. UPeter Shalulile ufumene ithuba lokunyusa ityala leStellies kodwa wakhetha ukuyixhoma emthini ibhola esothusa iintaka zizonwabele ezama ukudlala njengeflyhalf yombhoxo. IStellenbosch sifake inqaku kwathi kanti lelokubika ekhaya kuba bona becinga ukuba lelokucutha ityala. IbenguPalace ofake inqaku lokugqibela lomdlalo nongene njenge lalela elifaka kumzuzu wamashumi asibhozo ananye(81)
