Umdlali wodumo oyimbaleki yeli loMzantsi Afrika uWayde van Niekerk noyinzalelwane yaseKapa ubuye kakubi kwezembaleki.
UVan Niekerk uze kakubi kumdyarho wakhe wokubaleka nowokuqala oko wathi wafumana umonzakalo emva kokuphumelela kumgama wamakhulu amabini emitsi(200m) nobubanjelwe ePetermaritzburg ngolwesihlanu umhla weshumi elinethoba(19) kule imiyo inyanga kwisitsaba soMzantsi Afrika(SA Championships).
Obambe irekodi lehlabathi kumgama wamakhulu amane emitsi(400m) uWayde, nokwanika ingqwalasela yakhe kweyona isezantsi imitsi okwangoku engamakhulu amabini emitsi(200m) kolugqatso wenze amashumi amabini anamashumi amahlanu anesixhenxe emizuzwana(20:57seconds).
Elona xesha lakhe eliphambili lishumi elinethoba nelinamashumi asibhozo anesine emizuzwana(19:84seconds) kodwa elona liphambili awalenza ebuya kumonzakalo weqatha ngamashumi amabini anamashumi amathathu anesibhozo emizuzwana(20:38seconds) nawathi waphumelela ngalo ngonyaka ka2022 kugqatso lwakhe lokubuya kumonzakalo weqatha ngonyaka ka2017.
Nangona ekwazile ukuphumelela uvan Nikerk ukuya kumandulela kamagqibela kankqoyi uthi uziva erusile engenguye konke konke kodwa esithi uzakuya eqhela ngokuqhela kwimidyarho emibini ezayo. Ukhumbule ukuba le mbaleki nekwayinjinga yeOlympiki kanyaka ka2016 kumgama wamakhulu amane emitsi(400m) ekwabambe irecodi lehlabathi izihlandlo ezimbini kumgama wamakhulu amane emitsi(400m) wagqibela ukuthabatha inxaxheba kugqatso lweembaleki ngonyaka ka2022 ngenyanga kaCanzibe kwelaseItaly.
UWayde van Niekerk yinjinga yehlabathi kumgama wamakhulu amane emitsi(400m) amatyeri amabini.
By Siphiwo Bhoqwana
