14.3 C
King William's Town
Thursday, September 5, 2024

Imdlali weSaxophone uLefa Mosea uzakudlala kwiMbizo yoMculo, eThekwini.

Nangona kunzima ukufumana inkxaso kwliSebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa, neNkcubeko, uMosea uyaqhubeka nokudla indima yakhe emculweni.

Intshatsheli yomculo weSaxophone uLefa Mosea ophuma eSebokeng eVaal Triangle, uzimisele ukuhombisa iqonga kwiMbizo yoMculo ezakuba seThekwini kule veki yomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeThupha.

Le mvumi yazalelwa kunxantathu eVaal kodwa yakhulela ePitoli. Uhambo lukaMosea lomculo lwaqala kwangoko xa wafumanisa uthando lwakhe lomculo xa wayengena kwiminyaka yokufikisa. Phantsi kokukhokelwa ngutitshala womculo wabucala, uMosea wathatha ithiyori yomculo kunye nezifundo zesiginci ngo-2003, nto leyo yabeka isiseko sekamva lakhe kushishino lomculo.

Uhambo lukaMosea luphawulwe ngokuzingisa nokuzinikela. Ngethuba ehlala eGqeberha, wanxulumana neemvumi zasekuhlaleni baze baseka iqela elithi TAKE NOTE ngo-2001. Eli qela lakhawuleza lafumana ukuwonga laze latyikitya neNative Rhythms phantsi kweliso likaSipho Sithole. Icwecwe labo lokuqala elithi, “Rear Window,” labonisa igalelo elibalulekileyo likaMosea ekuqulunqeni nasekulungiseleleni eli qela, liqhubela iqela labo kwiqonga lesizwe elifana neStandard Bank Joy of Jazz, apho baye babelana namagqala afana noHugh Masekela noSibongile Khumalo.

Nangona eli qela laline mpumelelo, kwavela imiceli mngeni eyakhokelela ekubeni bohlukane neNative Rhythms ngo-2013. Akazange atyhafe, uMosesa nogxa bakhe ngoba bashicilela icwecwe labo lesibini elithi, “And The Journey Begins,” nelathi laqinisa ngakumbi igama labo kwezomculo. Isandi esingaqhelekanga sikaMosea, esiphenjelelwa yimveli yakhe yesiSuthu, sivakala kwiingoma ezifana no “Ramasedi” nethi “uThandolwam,” ethe gqolo ukufumana umdlalo womoya kwizikhululo zikanomathotholo ezikhulu.

Elungiselela ukudlala kwakhe kwiMbizo yoMculo, uMosesa ukhe wajongana nobunzima xa isicelo sakhe senkxaso kwiSebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko sikhatywa. Nangona kunjalo, oku akuzange kumthintele ekulandeleni ukuthanda kwakhe kunye nokwabelana ngomculo wakhe nehlabathi.

Njengoko ethatha iqonga eThekwini, uLefa Mosea uhlala eyimbonakaliso yamandla okunyamezela kunye nokubaluleka kokuhlala unyanisekile kumbono womntu wobugcisa. Uhambo lwakhe olusuka kumdlali wesiginkci oselula ePitoli ukuya kumdlali weSaxophone odumileyo libali lokuzinikela, italente, kunye nokufuna ukugqwesa okungagungqiyo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
93 %
1.2kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
16 °
Sat
16 °
Sun
14 °
Mon
13 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks