Home Iindaba IMfihlo yosapho kutyholwa ukuba ngunobangela iPolisa laseMamelodi lithimbe usapho lwalo.

IMfihlo yosapho kutyholwa ukuba ngunobangela iPolisa laseMamelodi lithimbe usapho lwalo.

IPolisa lithimbe umama laze labulala umtshana walo kwikhaya labo eliseMamelodi, kwimpuma yePitoli.

Umfanekiso: EWN/X

By Nyameka Lamani.

Imfihlo yosapho malunga nokuba ngubani utata womntwana kutyholwa ukuba ngunobangela wokuba ipolisa lithimbe umama walo kunye nomtshana walo, libavalela endlini iiyure ezilishumi elinesithandathu (16), ePitoli. Oku kwenzeke ngoLwesibini, umhla wesithoba (09) kweyoMsintsi 2025.

NgoLwesibini, ipolisa elineminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) ubudala, uThapelo Mashego, uthimbe umama wakhe nomtshana wakhe iiyure ezilishumi elinesithandathu kwikhaya labo eliseMamelodi, kwimpuma yePitoli.

Exesheni, wakhulula unina kumapolisa awayethethathethana naye, kodwa wadubula de wabulala umtshana wakhe obeneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala waze naye wazidubula.

UMalume kaMashego, uSteve Mphela, uthe ufumene umnxeba ovela kumkhuluwa kaMashego kusasa ngoLwesibini, emxelela ukuba uConstable uthimbe unina nomtshana wakhe.

UMphela uthe wafowunela umtshana wakhe efuna ukuqonda ukuba kuqhubeka ntoni.

“Andazi nokuba ibiyimfihlo okanye yintoni na, kodwa uthe ufumanise ukuba umntwana anaye nentombi yakhe ayingowakhe kodwa ngowomntakwabo.”

UMashego ukwathe umama wakhe ebemthimbe iiyure ezilishumi elinesithandathu, ebeyazi ukuba umntakwabo kunye nentombi yakhe bayathandana kwaye eyazi ukuba ngubani uyise wokwenene womntwana, kodwa wakhetha ukuyigcina iyimfihlo.

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola ubongoze onke amagosa asebupoliseni ukuba asebenzise iinkonzo zempilo ngokwengqondo ezifumaneka kumaziko obupolisa.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks