By Asipile Kitchen.
Imizimba yamakhwenkwe aneshumi elinesibini atshone edamini eMthatha eMpuma Kapa ngeCawa ifunyenwe.
Amapolisa eK9 Search neYunithi yokuHlangula awafumene lamakhwenkwe emva kokubakhangela emva kokulahleka kwawo.
La makhwenkwe akwilali yaseMatyuba ebephakathi kweqela labantwana ebebeyoqubha kwelidama.
Othethela Amapolisa ePhondo uKapteni Welile Matyolo uthi omabini lamakhwenkwe asuka kusapho lakwa Mlatha.
UMatyolo uthi amapolisa ontywilo afumene le mizimba anconyiwe ngomsebenzi wawo omhle.
“USajini Makhosonke noSajini Nduva bayifumene ngoMvulo emva kwemini le mizimba kanye pha emva kwentsimbi yesithathu. La makhwenkwe ebequbha kwelidama namanye amakhwenkwe asekuhlaleni kodwa ngelishwa, barhaxwa. Umkomishinala wesithili sase-OR Tambo, uMajor General Modishana uthumele amazwi ovelwano kwintsapho ngokulahlekelwa kwazo, wancoma nomsebenzi omhle owenziwe ngoSajini ababini,” utshilo uMatyolo.
