Home Iindaba Imo yezulu emanzi nemtyibilizi imke nemiphefumlo yabantu emibini(2) kwiingozi zendlela.

    Imo yezulu emanzi nemtyibilizi imke nemiphefumlo yabantu emibini(2) kwiingozi zendlela.

    Isebe lezothutho kwiphondo leMpuma Koloni limemelela abasebenzisi bendlela, ingakumbi abaqhubi beemoto ukuba baqaphele ezindleleni kule mpelaveki. Oku njengoko uqikelelo lwemozulu kulempelaveki ibangela inkxalabo emandla nokhokelela kwiingozi zendlela.

    Iimvula ezithe zanetha kwiindawo ezithile zeliphondo kuleveki zibangele ukuba kubekho iingozi ezimbalwa, nezibenabantu ababhubhileyo kuhola wendlela uN2 ngaseBulurha ngaphandle nje kwaseMonti xa usiya eGcuwa.

    Isithuthi sohlobo lweteksi nebigcwele iye yaphulukana nolawulo yaza yabhukuqa ibulala abakhweli ababini(2) ngelixa abanye abantu abalishumi elinesibini(12) befumene umonzakalo. Iindlela ezimanzi nezimtyibilizi nezimtyibilizi zephondo zikhankanywe njengezona zinto zinegalelo kwiingozi ezixeliweyo ukuza kuthi ga ngoku.

    Umphathiswa wesebe lezothutho uXolile Nqatha uthi amagosa omthetho wendlela azakuhlala ebonakala kakhulu ukuqinisekisa ukuba umthetho uyathotyelwa. “Amagosa ethu ogcino-mthetho azakubekwa ngobuchule ukuqinisekisa ukhuseleko lwabasebenzisi bendlela. Siza kusebenza ngokusondeleleneyo nawo onke amaqela akhawulezayo asabelayo, kwaye sizakuhlala sithe qwa kuwo nawuphi na umngeni onokuthi uvele,” utshilo uMphathiswa uNqatha.

    Kwakhona isebe liza kubeka iliso elibukhali kwiindlela ezidlula ezintabeni zephondo kuzo naziphi na iimfumba ezinodaka kunye/okanye iingxondorha, kananjalo licela abasebenzisi beendlela noluntu ukuba babe nomonde kwaye bahloniphe imiyalelo xa kukho imfuneko yokuvala naziphi na iindlela.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks