Home Iindaba IMonti yonke izakudlamka ngomhla waMafa neNkcubeko kulonyaka. Uzakube uphi wena?

    IMonti yonke izakudlamka ngomhla waMafa neNkcubeko kulonyaka. Uzakube uphi wena?

    IBala Lemidlalo laseBuffalo City liza kusingatha loMnyhadala we-Afrika Unite Cultural International (AUCIF) ngomhla wama-21 kuSeptemba 2024.

    Picture: Lwa Ndlunkulu Facebook

    IBala Lemidlalo laseBuffalo City liza kusingatha loMnyhadala we-Afrika Unite Cultural International (AUCIF) ngomhla wama-21 kuSeptemba 2024.

    Ngolwasuku lwe-21 kuSeptemba, iMonti yonke izakudlamka ngenxa yaloMnyhadala, njengoko inkampani i-C-Tone Productions izakube isingathe lo msitho weAfrika Unite Cultural International Festival kwibala lemidlalo eBuffalo City, elalisaziwe njenge ABSA stadium. Owalo nyaka umsitho unesihloko esithi “One United Africa”, kwaye oku kumiselwe ukumanya amawaka abantu abathanda umculo wombhiyozo ongaqhelekanga wamafa e-Afrika kunye nenkcubeko. Kwaye lo msitho uzakube ubanjwe kanye kanye ngolwasuku lwamafa nenkcubeko yoMzantsi Afrika (Heritage Day) lubhiyozelwa nguMzantsi Afrika rhoqo ngonyaka.

    Lo mnyhadala, owaqala ngo2015, ukhule de waba yindibano ebalaseleyo ukuzakuthi gaa ngoku, odibanisa amazwe ahlukeneyo aseAfrika ebonakalisa umanyano nentlalontle. Lo msitho ukwakhuthazwa yimfuno yokulwa ukubukulwa kwabemi bamanye amazwe nokwakha amaqhina omeleleyo ngakumbi phakathi kwamazwe ase-Afrika, ingakumbi emva kokungavisisani phakathi koMzantsi Afrika neNigeria, i-AUCIF izama ukukhuthaza uxolo nentsebenziswano kulo lonke ilizwekazi.

    Iqela labaculi boMzantsi Afrika abaphumelele iimbasa abaza kukhwela eqongeni, liquka amagama amakhulu afana noAmi Faku, Nkosazana Daughter, Lwah Ndlunkulu, Mr Thela, kunye neJaziel Brothers nabanye abangakhankanywanga. La magcisa, kunye nezinye iitalente ezininzi zalapha ekhaya, aza kucula kumsitho womculo ojolise ekudibaniseni abantu kunye nomanyano nokuzingca ngenkcubeko yama-Afrika.

    Umququzeleli walo mnyhadala uMnumzana uLuzuko Kohli, uthi lo mnyhadala ayingomsitho womculo kuphela, egxininisa injongo ebanzi yeli phulo.

    “I-AUCIF ingaphezulu kokuba ngumnyhadala nje womculo, kodwa ikwangumsitho wokubhiyozela ilifa lemveli yethu yobuAfrika kunye neqonga lokukhuthaza umanyano nemvisiswano phakathi kwamaAfrika. Siiyazingca ke ngokufaka igalelo kumashishini enkcubeko kweli phondo,” uthethe watsho uKohli.

    Ngokuxhaswa liSebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko, kwakunye namanye amahlakani aphambili, lo msitho uza kuba nemiboniso yefashoni, iindawo zokuthengisela ukutya ezibonelela ngeentlobo ngeentlobo zokutya zaseAfrika, kunye nemiboniso yempahla yaseAfrika, nto leyo edala umoya otyebileyo ngokwenkcubeko eyahluka-hlukeneyo.

    Injongo kukukhuthaza umoya wobunye nokuzingca ngeNyanga yeLifa leMveli, nto leyo eyenze ukuba ibe ngumsitho omelwe kukuzimaswa.

    Amatikiti e-AUCIF axabisa iR200 kwaye ayafumaneka kwiWeb Tickets naseComputicket. Amasango avula ngentsimbi yokuqala (13:00), kwaye umsithi uzakuqhuba de ibenyintsimbi yesibini (02:00 am).

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks