Home Iindaba Imozulu embi inokuchaphazela ukufunda eMpuma Koloni, iSebe leMfundo

Imozulu embi inokuchaphazela ukufunda eMpuma Koloni, iSebe leMfundo

Imoyezulu embi eMpuma koloni inganako ukuchaphazela imviwo zebanga leShumi

Isebe lezemfundo lephondo leMpuma Koloni lilumkise ngelithi imeko yemozulu engentle yoMzantsi Afrika kweli phondo ingachaphazela imfundo. Imozulu embi kulindeleke ukuba iqhubeke iveki yonke.

Oku kuza emva kokuba abafundi bebanga leshumi beqale iimviwo zabo zokugqibela izolo.

Isithethi seli sebe uMalibongwe Mtima umemelele bonke abafundi, ootitshala nabazali kweli phondo ukuba bathathele ingqalelo.

UMtima uthe, ezinye iindawo zinokunga khuseleki xa kuhanjwa. Leyo into ilandelela izikhukula zamva nje ezishiye imilambo, iibhulorho kunye neendawo ezisemazantsi zizele zizikhukula. Isebe lemfundo lenze izicwangciso zokuqinisekisa ukuba abafundi abanokuchatshazelwa koku baya kunikwa ithuba lokubhala iimviwo zabo ngokwemigaqo-nkqubo nezikhokelo ezisebenzayo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks