IManchester City iyaqhuba nokuphumelela kwimidlalo yeEnglish Premier league nalapho iyinkwa nenkwa kumaqela amabini aseleyo apho kukho neeGunners engeka phosi kwalotawule emva kokuba iLiverpool yoyiswa ngeyokosa. IManchester City ibhuqe iiWolves ngempama yamanqaku, iiWolves zaphendula ngocikicane ukutsho oko iphumelele ngamanqaku amahlanu kwelinye(5-1).
IArsenal nengazibekelanga phantsi nayo iphumelele ibetha iBournamouth ngamanqaku amathathu eqandeni, le midlalo ibidlalwa ngomgqibelo umhla wesine(04). Omabini lamaqela asesethubeni lokuyiphakamisa lendebe kodwa iManchester City inethuba elihle ngakumbi kuba ukuba inokukwazi ukuphumelela umdlalo wayo esemva ngawo izinto zabo zakube zingcono kakhulu.
Kucace mhlophe okwekanti ehlungwini ukuba lamaqela asezakuqhuba de ibe ngumdlalo wokugqibela. Kunjalo nje iNgilane kwiEPL yeyona league ibonakala ikumgangatho ophezulu ehlabathini nekhuphisana ngamandla kwibhola ekhatywayo.
IiiGunners zigqibele kudala ukuphumelela lendebe zikhe zazama ukugqushalaza ziyifuna ngamandla kwiminyaka emibini egqithileyo kodwa zatsho phantsi kwamdaka iisali. IChelse neManchester United azisaziwa nokuba zisayifuna na kungcono kwaLiverpool kuba yona ikhe yazixhwithela phambi kokuba zibuye iiCitezines kwakhona.
By Siphiwo Boqwana
