By Buhle Nomgalasa.
ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa (ECDoH), libambisene neClinton Health Access Initiative (CHAI) kunye neChurch of Jesus Christ of Latter-Day Saints (CoJCLDS), lisungule ngokusesikweni izixhobo zokuhlola iindlebe zabantwana abasando kuzalwa kunye noxilongo kwiSibhedlele iCecilia Makiwane.
Eli phulo, laphehlelelwa ngomhla wesihlanu (5 ) kweyeSilimela ngo2025. Eli linyathelo elikhulu ekomelezeni ukuva kwangethuba kunye nokuhlolwa kokubona kwiphondo liphela ukuqala kubantwana abaneminyaka 0 ukuya kwemithandathu (6) ubuncinci. Le nkqubo iphunyezwa ngentsebenziswano neSebe leMfundo ukuqinisekisa ukuchongwa kwangethuba kwemingeni yophuhliso kubafundi abaselula.
“Eli nyathelo liqinisekisa ungenelelo kwangethuba, linika abantwana isiqalo esihle ebomini,” utshilo uNksk Mrs Nolubeko Xuma-Soyizwapi onguSekela Mlawuli weeNkonzo zokuBuyiselwa kwisimo sangaphambili.
“Sizimisele ukuchonga imiba phambi kokuba ichaphazele uphuhliso lokufunda nonxibelelwano.”
IProjekthi yeenyanga ezilishumi elinesibhozo (18), eqale ngeyoMnga ka-2024 ukuya kweyeSilimela ngo-2026, ijolise ekujonganeni nemfuno ehlala ixesha elide yokuhlolwa kweendlebe kwiintsana ezisanda kuzalwa-ingakumbi ezo zithathwa njengengozi enkulu okanye ezingathunyelwanga ngokukhawuleza ngooGqirha babantwana.
“Ukuva kwinyanga yokuqala kubalulekile ekubonweni kwangethuba kunye nokungenelela kwangethuba,” utshilo uGqr Yose, uMphathi oPhezulu weeNkonzo zezoNyango kwiSibhedlele saseCecilia Makiwane. “Ngesi sixhobo sale mihla, siyakwazi ukuxilonga imiba yokuva kwangoko kwaye siphucule umgangatho wobomi babantwana abachaphazelekayo.”
Ukuza kuthi ga ngoku, i-CHAI sele ivavanye ngaphezu kwamawaka alishumi (10,000) eentsana, ebonisa impumelelo kunye namandla entsebenziswano. “I-CHAI isebenzisana norhulumente, ezempilo, kunye namashishini ukwandisa ufikelelo kukhathalelo lwezempilo olulinganayo,” utshilo uNksz A Nzuzo ovela kwi-CHAI.
Ngokudibanisa ukuva kunye nokuhlolwa kobona kwiinkonzo zokhathalelo lokuqala, iMpuma Kapa imisela umgangatho omtsha wokhathalelo lwempilo yomntwana nokuqinisekisa ukuba akukho mntwana ushiyekayo ngenxa yokungeva kakuhle.
