Uxinzelelo luyakhula kwiSebe lezeMfundo leMpuma Koloni ukuba lilungise ngokukhawuleza ukusilela kweziseko zophuhliso zezikolo kweli phondo. Isebe lifumene uxwebhu lwezikhalazo oluvela kumbutho wasekuhlaleni i-Equal Education, ofuna ukuba kubonelelwe ngeziseko zophuhliso ezilinganayo kuzo zonke izikolo.
Isebe lanikwa iminyaka eli-10 ukuba litshabalalise izindlu zangasese ezinemingxuma kunye nezikolo ezakhiwe ngodaka, iasbestos, isinyithi kunye nemithi. Namhlanje kuphawula umhla wokugqibela.
IMpuma Koloni, iLimpopo neKwaZulu-Natal, zingunobangela wokusilela kweziseko zophuhliso zezikolo kuzwelonke. Abafundi abayinxalenye yomngcelele bathi indawo abakuyo ayikulungelanga ukufunda.
Bamemelela urhulumente ukuba alungise oku kusilela ngokukhawuleza.
“Asinayo ifanitshala yaneleyo esikolweni loo nto ibangela ingxinano kwaye besisoloko sikhankasela kodwa isebe alisiva. Abafundi abalungiseleli kangangoko banako ngenxa yoku kuxinana.”
Omnye umfundi uthi, “Akukho tshintsho xa kuthethwa ngokuphuculwa kwezikolo zethu. Kukho ukunqongophala kweencwadi zokufunda kunye neziseko zoncedo ezikolweni zethu, xa kunetha iisilingi ziyawa, kusichaphazela kakhulu. Asinabo ootishala, sicela isebe lisincede, sifuna iimpendulo kweli sebe.”
Ngexesha lentetho yohlahlo lwabiwo-mali lwaphakathi kwiveki ephelileyo uMphathiswa wezeziMali uMlungisi Mvoko ubhengeze ukucuthwa kwezibonelelo ezinemiqathango ezixabisa i-R761 yezigidi zeerandi.
Isibonelelo seziseko zophuhliso zezikolo sachetywa ngaphaya kwe-R200 yezigidi. INtloko yeSebe leMfundo elinganayo kweli phondo, u-Itumeleng Mothlabane uthi akwamkelekanga oku.
“Sinezikolo ezimalunga nama-506 ezingekabinalo uhlobo logutyulo. Sithi namhlanje lulwaphulo-mthetho olo, INkulumbuso noMphathiswa wezeMfundo abanako ukuyiphepha le nto, mabamamele amazwi oluntu.”
Nangona kukho imicelimngeni ekushukuxeni lo mba, isithethi sesebe lezemfundo ephondweni uMalibongwe Mtima uthi bayayiqwalasela le miba.
“Ukuba sixoxa ngalo mba wokusalela, asinakulibala ukubekelwa phambili kwezoqoqosho (economic prioritization) okukucuthwa kohlahlo lwabiwo-mali nazo zonke ezinye izinto eziyinxalenye yalo, kungoko sisithi masinikwe ithuba lokufunda uxwebhu lwezikhalazo, emva kokulufunda. siza kuphawula ngokusemthethweni kwaye siza kuqinisekisa ukuba onke amaziko ayakhutshelwa ukuze ekupheleni kosuku nibe nolwazi ngale nto siyenzayo.”
Isebe linikwe iintsuku ezili-14 zokuza nempendulo nesicwangciso esineenkcukacha ukuya phambili.
