19.8 C
King William's Town
Thursday, April 24, 2025

INani eliphezulu labarhanelwa ababulewe ngamapolisa aseKZN lixhalabisa i-ISS.

I-Institute for Security Studies (ISS) iqaphele ukuba amapolisa akwaZulu-Natal anelona nani liphezulu labarhanelwa ababulawayo kweli lizwe.

Oku kulandela iziganeko zakutsha nje apho kuthe kwabulawa abarhanelwa abalithoba (9) kwisithuba seentsuku ezine (4) ze babahlanu kule veki.

Ukuphendula ukugxekwa kwezenzo zamapolisa KwaZulu-Natal, uGareth Newham, iNtloko yeNkqubo yoBulungisa noBundlobongela kwi-ISS, ugxininise izinga eliphezulu lobundlobongela kwiphondo.

“I-KZN ibisoloko igqamile njengephondo elibulale abantu abaninzi kunamapolisa kulo naliphi na elinye iphondo,” utshilo uNewham.

UNewham uthi, “Ngokwesiqhelo, amapolisa aseKZN kule minyaka ilishumi (10) idlulileyo abulale ikhulu (100) lezikrelemnqa ngonyaka njengenxalenye yomsebenzi wabo.”

Kwakhona, i-30% yabantu ababulawa ngamapolisa eMzantsi Afrika babulawa eKZN. Ke kubantu abangamakhulu amane (400) ababulawa kuzwelonke, bamalunga nekhulu (100) okanye nangaphezulu babulawa eKZN.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
19.8 ° C
19.8 °
19.8 °
76 %
3kmh
85 %
Thu
19 °
Fri
25 °
Sat
28 °
Sun
31 °
Mon
32 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks