Home Iindaba INani labantu ababhubhileyo kwiNtlekele yezaNdyondyo eMpuma Kapa lingama-49 ‘kwaye liyenyuka.

    INani labantu ababhubhileyo kwiNtlekele yezaNdyondyo eMpuma Kapa lingama-49 ‘kwaye liyenyuka.

    INkulumbuso icela abahlali ukuba balandele isikhokelo seQela loLawulo lweeNtlekele.

    Umfanekiso: Uvaliwe uhola wendlela uR61 osuka eMthatha usiya eNgcobo ngakwisikolo esikhethekileyo iEfata Special School for the Deaf and Blind ngenxa yezandyondyo zemvula ebusuku.

    By Buhle Nomgalasa

    INani labantu ababhubhe kwizikhukula kwiindawo ezithile eMpuma Kapa linyuke laya kutsho kumashumi amane anethoba emva kwemini yangoLwesithathu kwaye linyuka qho ngeyure, ngokokutsho kweNkulumbuso uOscar Mabuyane.

    “Ukuza kuthi ga ngoku, imeko inyuke yaya kutsho kumashumi amane anethoba (49) njengoko besitshilo, amanani ayanyuka, iyure neyure, ngoko ke imeko imbi kakhulu,” utshilo uMabuyane ngentsimbi yesine emva kwemini izolo.

    Uthe amakhulu abantu ashiye amakhaya ngenxa yezaqhwithi zaseGcuwa.

    “Sivavanya umonakalo wokuxhasa imisebenzi yoncedo kunye nokunxibelelana ngqo neentsapho ezichaphazelekayo, njengoko ngoku sisuka kumaziko amabini apho sisebenzisana nabantu bethu abagcinwe kuloo maziko.

    “Siphinde sidlulise amazwi ovelwano olunzulu kwiintsapho ezisweleyo kwaye sicele abahlali ukuba bahlale bephaphile kwaye balandele izikhokelo ezivela kumaqela olawulo lweentlekele zendawo,” watsho.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks