Isithethi sikaColonel Priscilla Naidu uthi ixhoba elineminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu libhaqwe kwindlu eKwanobuhle ngoLwesine libotshwe izandla neenyawo.
Uthi omnye umrhanelwa waabanjwa ngelixa lowo wayehamba naye ebaleka kwindawo yexhwayelo. NgoMvulo, ixhoba lifike kwikhaya lalo eNemato, malunga nentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngethuba inkosikazi isiza kuvula amasango.
Ngexesha lokudibana kwabo, umrhanelwa oxhobileyo wavele wamnyanzela ukuba angene endlwini yakhe phambi kokuba kungene amadoda amabini axhobileyo. UColonel Naidu uthi ummangali waxhwilwa kwimoto yakhe iVW Caravelle waze wabonwa esingise eGqeberha.
Uthi ulwazi lobuntlola lwafunyanwa kwaye lwasetyenziswa ngoko nangoko. NgoLwesine kungenwe kumzi eZwide apho kufunyenwe amadoda amabini, kwabanjwa omnye. Izitshixo zesithuthi sexhoba, iHyundai 120 eSilver kunye nompu ziye zathathwa logama imoto yommangali ifunyenwe ishiywe kumatyotyombe aKwazakhele.
UColonel Naidu uthi umrhanelwa oneminyaka engamashumi amane ubudala uvalelwe ngezityholo zokuxhwila kunye nokuphanga indlu ngelixa kuvulwe uphando malunga nalo mpu.
Uthi uza kusiwa ePort Alfred ukuze avele okokuqala enkundleni ngoLwesihlanu. Iphulo lokukhangela abanye abarhanelwa liyaqhuba.
