Inkundla yengqingqi yakuCentane imgwebe ubomi ejele uMboneleli Sabane oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe ngokudlwengula intombi yakhe eneminyaka esixhenxe. Esi sehlo senzeke ngo-2021 kwindawo yaseLusizi kwisithili kuCentane. Ixhoba belityelele usapho lukayise ngethuba lidlwengulwa nguyise ngaphakathi kuronta ababelele kuwo ebusuku, emva koko waligrogrisa ngokulibulala.
Xa ixhoba eliselula laya kuninakhulu ozala uyise ngentsasa elandelayo, uninakhulu wayigxotha le ntwazana eme ecaleni konyana wakhe. Xa lo mntwana ongekafiki kwishumi leminyaka ebuyela kwikhaya likamama wakhe, uye wachaza intlungu yakhe kumzala wakhe, owaxelela abadala. Ekuveni esi siganeko, uye wasiwa eGcuwa eThuthuzela Care Centre (TCC), apho uvavanyo lukagqirha lwaqinisekisa ukuba nyani umntwa a udlwengulwe, nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kwalo tata.
Ebudeni betyala, uSabane waliphika ityala, ekhanyela ukuba wakha wayiphatha intombi yakhe ngexesha lotyelelo lwakhe. Umtshutshisi obambeleyo kwinkundla yengingqi uSiyabonga Manase ukhokele ubungqina bexhoba, encediswa liGosa lokuLungiselela inkundla (CPO) uBrenda Kapa. Umtshutshisi waphinda wabiza ingqina lokuqala lengxelo, umzala, kunye nomongikazi wase-TCC. Emva kokuba egwetyiwe, umtshutshisi uManase ubongoze inkundla ukuba ingajiki kwisigwebo sobomi esimiselweyo, kwaye inkundla yavuma.
UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni uBarry Madolo uncome umtshutshisi, abasebenzi beTCC, iCPO, kunye negosa eliphandayo ngokuqokelelwa ngobunono nokunikezelwa kobungqina.
Siyakholwa Vuso
