Home Iindaba Indoda yaseBluewater Bay, eGqeberha, ibulele usalwayo nayo yazinqumlisa amafu.

    Indoda yaseBluewater Bay, eGqeberha, ibulele usalwayo nayo yazinqumlisa amafu.

    Amapolisa aphanda ukubulawa kosapho lwaseBluewater Bay ngosuku lwangeCawe, 09 kweyeSilimela 2024.

    Amapolisa aphanda ukubulawa kosapho lwaseBluewater Bay ngosuku lwangeCawe, 09 kweyeSilimela 2024.

    Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi kuvulwe idokhethi yokubulala abantu ababini.
    Uthi malunga nemizuzu engamashumi amabini emveni kwentsimbi yesine (16:20) emva kwemini abamelwane beve izithonga ezininzi zemipu kwindlu eseBrian Crescent kwaye kwangoko banxibelelana namapolisa.

    Abantu abaswelekileyo banamanxeba eembumbulu. Kwaye bachongwe njengoMbulelo Nkqayana oneminyaka engamashumi amane anesithandathu (46) ongumsebenzi kamasipala, inkosikazi yakhe uYolisa Nkqayana obeneminyaka angamashumi amathathu anesixhemxe (37) nentombi yabo uKazimla Nkqayana ebineshumi elinanye (11).

    UColonel Naidu uthi kufunyenwe umpu oyi-9mm ulele ecaleni kwalo tata.

    Uthi unobangela wokudutyulwa kwakhe awukaziwa

    By Anita Qubula.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks