Home Iindaba INDODA yaseGQEBERHA IGWETYWE NGENXA YOBUNDLOBONGELA

INDODA yaseGQEBERHA IGWETYWE NGENXA YOBUNDLOBONGELA

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, iCandelo leMpuma Kapa, eGqeberha, imgwebe iminyaka elikhulu namashumi amabini uSiyabulela Stana oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala, ngokubandakanyeka kuthotho lwamatyala obundlobongela awawenza ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kuCanzibe ngo2023 kuMbindi wesithili saseGqeberha.

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, iCandelo leMpuma Kapa, eGqeberha, imgwebe iminyaka elikhulu namashumi amabini uSiyabulela Stana oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37) ubudala, ngokubandakanyeka kuthotho lwamatyala obundlobongela awawenza ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kuCanzibe ngo2023 kuMbindi wesithili saseGqeberha.

UStana uwavumile amatyala amaninzi, aquka ukubulala, ukuphanga esebenzisa iimeko ezimanyumnyezi, nokuba nemipu neembumbulu ezingekho mthethweni, ukuqhekeza, kunye nokuxhwila.

Izenzo zikaStana zolwaphulo-mthetho zaqala ngorhatya lwangomhla wamashumi amabini anethoba (29) kuCanzibe ngo-2023, xa yena, ekunye nabatyholwa kunye noBongani Makasi (34) kunye noThukela Mayathula (27), benza ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela kule ndawo. Aba bathathu benza uhlaselo lwabo malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yesibhozo (20h30) xa uNataniel Angelo Naidoo, igosa lokhuseleko elalisemsebenzini, wababona bephanga indoda. Xa uNaidoo wayezama ukungenelela, wahlaselwa ngongonyamelo ngabaphangi. Ngexesha lale ngxwaba-ngxwaba, uNaidoo wadubula, kodwa abaphuli-mthetho bawuba umpu wakhe baqhubeka nolwaphulo-mthetho lwabo.

Eli qela emva koko lafudukela eBelmont Terrace, indawo ehlala abafundi, apho babamba abafundi abane bebakhombe ngemipu, babanyanzelela kwindawo evaliweyo, beba iilaptops, iiselfowuni kunye nemali.

Ulwaphulo-mthetho lwabo lwaqhubeka njengoko babefudukela kwisakhiwo esasingasetyenziswanga e-31 St Patrick Street, apho badibana nendoda engenakhaya eyayihlala apho. UStana noMayathula babephethe oobhaka abagcwele zizinto ezibiweyo ezifana namakhadi omfundi, iilaptops, kunye neencwadi zokufunda. Esi sibini sayalela le ndoda ukuba izitshise ezo ncwadi, kodwa ayizange ivume.

Emva koko batshintsha iimpahla ngaphambi kokuba bagebenga ixhoba elalityala uMayathula imali. Ixhoba ladutyulwa lashiywa labhubha, lo gama abaphuli mthetho bethatha umnxeba walo nezinye izinto. Isenzo sokugqibela sobundlobongela senzeke ngaphandle kweTavern yaseMadeira, apho abaphangi babejolise kumxhasi oqhelekileyo. Emva kokumkhuthuza nokumdubula ethangeni, babaleke bashiya ixhoba liphuma igazi. Ukuhlolwa kwesidumbu kuqinisekisile ukuba unobangela wokufa linxeba lokudutyulwa kumthambo wasekhohlo wasetyhini.

Abamangalelwa babanjwa emva kweentsuku ezilishumi ngetyala elifanayo, besebenzisa umpu ofanayo. Bachongwe ngabafundi ababini kwabane ababaphangayo ngethuba besenza umngcelele wezazisi.

UStana ulivumile ityala waza wagwetywa amatyala amathathu okuphanga esebenzisa iimeko ezimanyumnyezi, efumana iminyaka elishumi elinesihlanu kwityala ngalinye. Ugwetywe iminyaka elishumi elinesihlanu ngamatyala amabini okuba nompu ngokungekho mthethweni, iminyaka emihlanu kwityala ngalinye kwamabini okuba neembumbulu ezingekho mthethweni, emihlanu ngokuqhekeza indlu ngenjongo yokuphanga, iminyaka emihlanu ngokuxhwila, neminyaka engamashumi amabini amahlanu (25) ngokubulala.

Ezinye zezi zigwebo ziyakuqhuba ngaxeshanye, nto leyo ethetha ukuba uStana uza kuthothoza iminyaka engamashumi amabini anesihlanu.

IGqwetha loMbuso oPhezulu uVelile Makasana uvakalise ukuba izenzo zikaStana bezicwangciswe kwangethuba kwaye zikhohlakele, nto leyo ebangela unxunguphalo olukhulu kumaxhoba.

Adv. Makasana ugxininise ukuba ulwaphulo-mthetho lubonakalisa ukungakhathaleli ubomi nokhuseleko lomntu, ingakumbi eqaqambisa ukubulawa nokuhlaselwa ngobundlobongela kukaNaidoo. Ubethelele ukuba amaxhoba akaphangwanga nje kuphela izinto zawo kodwa kwanokhuseleko. Umthetheleli uhlabe ikhwelo lokuba kuthunyelwe umyalezo oqatha nakwabanye abanokucinga ukwenza izenzo zobundlobongela ezifanayo.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Kapa uMnumzana Barry Madolo usamkele esi sigwebo esithi sithumele umyalezo ocacileyo kubaphuli mthetho wokuba izenzo zobundlobongela azina kunyanyezelwa.

“Esi sigwebo sibonisa ubunzulu bezenzo zikaStana kwaye siphawula inyathelo elibalulekileyo elikhokelela kubulungisa kumaxhoba,” utshilo uDPP Madolo. Uphinde waqinisekisa ukuzibophelela kweGunyabantu leSizwe loTshutshiso ekuthobeleni umthetho kunye nokuqinisekisa ukuba izaphuli-mthetho ezinobundlobongela zijongene neziphumo ezipheleleyo zezenzo zabo.

Abo batyholwa kunye noStana, uBongani Makasi kunye noThukela Mayathula, baza kujongana nokuxoxwa kwetyala ngokwahlukeneyo ngokubandakanyeka kwabo kulwaphulo-mthetho.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks