Home Iindaba INdoda yaseMdantsane ibulele umzukulwana, umama kunye nomakhulu.

INdoda yaseMdantsane ibulele umzukulwana, umama kunye nomakhulu.

INtwazana eneminyaka emithathu ubudala, umama wayo kunye nomakhulu wayo batshiswe babhubha ngentsasa yangoMvulo emva kokuba bevaleleke etyotyombeni laza ityotyombe latshiswa.

Umfanekiso: UKholosa Mzendana, ibhinqa elibulewe noMama kunye nosana lwakhe oluyintombi, betshiswa sisinqandamathe sakhe.

By Asipile Kitchen.

USana oluyintombazana eneminyaka emithathu ubudala, umama wayo kunye nomakhulu wayo batshiswe babhubha ngentsasa yangoMvulo emva kokuba bevaleleke etyotyombeni laza ityotyombe latshiswa.

ISinqandamathe soMama walentwazana sityholwa ngokusebenzisa ucingo oluhlabayo ukuqamangela ucango kwityotyombe elusapho beluhlala kulo, kwindawo yamatyotyombe ebizwa ngokuba yi-Boss Zonke eMdantsane N.U 1.

ISithethi samaPolisa aseMonti uKapteni Hazel Mqala uthi abacimi-mlilo bafike sekusemva kwexesha kwaye izidumbu zontathu zitshe ngendlela emasikizi.

Le ntwazana incinci, uAkhanani, kunye nomama wayo, uKholosa Mzendana, bafunyenwe bebambene. UMakhulu wakhe, uNtombizanele Mzendana oneminyaka engamashumi amathandathu ananye (61) ubudala, ubhaqwe ngasemnyango apho ebezama ukuqhwesha khona. Le ndoda iphinde yazama ukuzibulala ngokutshisa ityotyombe layo. Kodwa yathi yakungaphumeleli oko, wazinikela emapoliseni.

UMqala uthi ngoku le ndoda iphantsi kweliso lamapolisa esibhedlele. Ityala lokutshisa nokubulala livuliwe kwaye uphando lusaqhuba.

I-ANC Women’s League ithi bothukile kwaye batyumke intliziyo sesi siganeko.

“Kuyasivuyisa ukuvalelwa kwakhe, simemelela ukuba athathelwe amanyathelo akhawulezileyo, asifuni bheyile kwaye anikwe esona sigwebo siqatha, ukophula umthetho nokuthatha ubomi babo ngokungenalusini,” utshilo usihlalo wephondo uSiphokazi Lusithi.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks