By Lilitha Phenduka.
INkundla yengingqi yaseTlokoeng eMount Fletcher igwebe uTata oneminyaka engamashumi amahlanu anesine (54) ubudala izigwebo ezimbini zobomi entolongweni ngenxa yokudlwengula iintombi zakhe ezingamawele amatyeli aliqela kwisithuba esingaphezu kweminyaka elishumi.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi se-NPA uLuxolo Tyali, elinye lamawele likhubazekile ngokwasengqondweni.
INkundla ive ukuba umama wamaxhoba wabhubha ngo-2011, kwaye la mantombazana mabini, awayeneminyaka elishumi elinanye (11) ubudala ngoko ehlala noyise kwikhaya labo kwaye waqala ngokubaphatha ngendlela engafanelekanga kumalungu abo angasese ngaphambi kokuba adlwengule ngokuphindaphindiweyo elinye lamawele.
Elinye lamawele lafumana umsebenzi ngaphandle kwedolophu ngo-2019, uTata waqala ukudlwengula iwele elikhubazekileyo ngokwasengqondweni. Umphathi wewele elisebenzayo waqaphela ukuba akaphilanga ngokwasengqondweni waza wabuza ngempilo yakhe kulapho wazixela ukuba uyise wayemdlwengulile.
Ebudeni betyala, uTata wabo uliphikile ityala, esithi lo mntwana ukhubazekileyo wayemtyhola ngobuxoki kuba engafuni ukuba agcine imali yakhe yesibonelelo sokukhubazeka.
Ummeli wombuso uThamsanqa Vinindwa ukhokele ubungqina bomnye wabaphathi beli wele, nobengowokuqala ukuxela esi sehlo, kwakunye nodade wabo omdala welo wele, umalume kunye namaxhoba.
Esamkela esi sigwebo, umlawuli wezotshutshiso eMpuma Kapa uBarry Madolo, uncome usapho lwamaxhoba ngokuwubika kwabasemagunyeni, endaweni yokuzama ukuwufihla ngenxa yokoyika ukuthotywa isidima, njengoko kuqhele ukwenzeka.
