UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo ubonwe ezimase indibano yombutho i-African National Congress kwingingqi yaseChris Hani ngoLwesihlanu,umhla wesihlanu (05) kuTshazimpunzi 2024, enxibe izikipa zalo mbutho ebhiyoza. Inkosi yesizwe sabaThembu, ebifudula isaziwa ngokuxhasa i-Economic Freedom Fighters (EFF), ngoku ishiye abantu abaninzi bezibuza ukuba ingaba ibuyile na kwikhaya layo lezopolitiko i-ANC.
IKumkani ibhiyozele usuku lwayo lokuzalwa kule ndibano ye-ANC ngoLwesihlanu. Ukuya kwakhe ekunye neNkulumbuso yaseMpuma Koloni u-Oscar Mabuyane, kunye nomongameli we-ANC Women’s League, kongeza ukubaluleka kolu qikelelo kunye nemibuzo.
Nangona uqinisekiso lokuba uKumkani uDalindyebo ubuyele ngokusesikweni kwi-ANC lusamisiwe, uNobhala Jikelele walo mbutho, uFikile Mbalula, uye kumakhasi onxibelelwano encoma ukubonakala kwekumkani kule ndibano, esithi, “Buyelekhaya Dalindyebo, Kumkani yabaThembu.”
Kuyo yonke le minyaka, uKumkani uDalindyebo wayesaziwa ngokutshintsha kwakhe ukuthembeka kwezopolitiko. Ngonyka ka-2013, wanxulumana ne-Democratic Alliance (DA), kodwa ubulungu bakhe bapheliswa emva kweminyaka emibini kulandela ukugwetyelwa kwakhe izityholo ezininzi eziquka ukubetha. Ubudlelwane bakhe ne-ANC bebunesiphithiphithi. Ekuqaleni wayelilungu, wagxothwa ngo-2013 emva kokuthuka iinkokeli zombutho. Ngaphezu koko, wajongana neengxaki zomthetho, ezabangela ukuba agwetywe iminyaka elishumi elinesibini entolongweni ngenxa yolwaphulo-mthetho oluquka ukuxhwila, ukubetha, nokutshisa, nto leyo eyabangela ukuba ayishiye i-ANC esiya kwi-EFF.
Ngexesha leManifesto ye-EFF eMpuma Koloni, ngomhla weshumi elinesithoba (09) kwinyanga yoKwindla, ka-2024, uKumkani uDalindyebo wenza intetho evuthayo, ebonakalisa ukungaqikeleleki kwakhe kwezopolitiko. Ukubuyela kwakhe kwezopolitiko kuququzelelwe luxolelo lukaMongameli uCyril Ramaphosa kweyoMnga ka-2019, nto leyo eyakhokelela ekubeni akhululwe entolongweni kweyoMqungu ku-2020.
Ngentsasa yanamahlanje, indlu yoBukhosi yaBathembu ikhuphe ingxelo kumajelo eendaba, ethi uKumkani Dalindyebo ugqithisa umbulelo kuSodolophu woMasipala i-Dr AB Xuma uMnu Zangqa, uSihlalo woMasipala wesithili saseChris Hani uLusanda Sizani, noSihlalo we-Anc kwiPhondo uOscar Mabuyani ngombhiyozo wosuku lwakhe lokuzalwa abawudibanise eNgcobo ngomhla wesihlanu (05) kuTshazimpunzi ka-2024.
Indlu yobukho yaBathembu ithe iKumkani ikhuthaza ukumanyana kwamaqela ezopolitiko eli loMzantsi Afrika.
“Kukho amaxesha afuna ukuba iKumkani iphakame ngaphezu kweeyantlukwano zezopolitiko, ukuya kunyulo lukaRhulumente weSizwe kwinyanga kaCanzibe ku-2024 iKumkani ingathanda ukubona ukumanyana ngenjongo enentsingiselo phakathi kwe-UDM, Cope, Anc, uMkhonto WeSizwe kunye ne-EFF”.
Kwindibano yolonyulo eChris Hani kutshanje, uKumkani uDalindyebo uvakalise ukunxulumana kwakhe ne-ANC, ephawula ngelungelo lakhe elingaphakathi lokuzikhwebula kumbutho okwethutyana kwaye aphinde azimanye nanjengoko ethanda.
By Siyakholwa Vuso
