Home Iindaba Ingozi emasikizi isube imiphefumlo emihlanu(5)

Ingozi emasikizi isube imiphefumlo emihlanu(5)

Abantu abahlanu baphulukene nobomi babo ngelixa abathathu bonzakele kwingozi ebandakanya iHyunda H100 (abantu ababini) kunye neveni ye-Isuzu (abantu abahlanu) kwindlela uR75 phakathi kweKariega kunye neGraff Reinet.

Ingozi yenzeke emva kwemini ngoLwesihlanu wamashumi amabini anesithandathu kuCanzibe 2023 kwindlela ye-R75 Karriega 2nd turn off phambi kwentolongo.

Iloli yakwaHyundai H100 min ebinamadoda amabini ebekhwele eGraff Reinet, ingqubane neveni ye Isuzu esuka eKarriega isingise kwicala laseGraff Reinet.

Bobabini abahlali (abangamadoda) belori yakwaHyundai H100 min babhubhele kwindawo yexhwayelo, logama abathathu abebekhwele kwiveni ye-Isuzu (amadoda amabini enye ibhinqa) nabo babhubhela kwindawo yexhwayelo.

Bobabini abaqhubi bezithuthi phakathi kwababhubhileyo.

Abantu abathathu abonzakeleyo abebekhwele kwiveni i-Isuzu basiwe kwisibhedlele sephondo iKarriega.

Unobangela wengozi awukaziwa okwangoku njengoko ingozi yengozi isephantsi kophando ngabasemagunyeni abohlukeneyo abafana noSaps kunye neSebe lezoThutho likaZwelonke (RTMC)

Ityala lokubulala ngokungenhloso liye lavulwa eKirkwood Saps ukuze kuqhutyekwe nophando.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks