Home Iindaba Ingozi emasikizi isube imiphefumlo Emine(4)

Ingozi emasikizi isube imiphefumlo Emine(4)

Bonke abakhweli abane bemoto yohlobo lweToyota Avanza ebhukuqe kwindlela uR408 phakathi kwasengcobo naseDutywa ngaseXonya babhubhile.

Esi sehlo senzeke malunga nentsimbi yeshumi ebusuku. Imoto yohlobo lweToyota Avanza ebikhwele abantu abane bonke abangamadoda babhubhele kwindawo yexhwayelo.

Kutyholwa ukuba umqhubi uphulukene nolawulo ngelixa ebethetha-thethana ngegophe elibukhali kwiNkobongo Cuttings.

Ityala lokubulala ngokungenhloso livuliwe eNgcobo Saps ukuze kuqhutywe uphando.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks