Ngabantu abathandathu(6) abaphulukene nobomi babo logama abathathu(3) bonzakele kwingosi yezithuthi eyenzeke kusasa namhlanje eNgcobo.
Ngokwengxelo yesithethi seSebe uUnathi Binqose, lengozi yenzeke emva kokuba imoto enye iphulukene nolawulo yaza yabhukuqa kuhola wendlela uR61 eNgcobo kufutshane nesikolo saseNyanga Senior Secondary xa usingise eMthatha.
Esisehlo senzeke ngomhla weKrisimesi malunga nentsimbi yeshumi elinanye(11H00) Isithuthi sohlobo lweFord Ranger(double cab) ebikhwele abantu abalithoba, ibiphuma kwindawo yaseMsintsana eNgcobo,iye yabhukuqa. Abantu abahlanu babhubhele ngoko nangoko kwindawo yexhwayelo ngelixa omnye wabhubha ekufikeni kwakhe kwisibhedlele iAll saint eNgcobo.
Ababhubhileyo ngamadoda amane(4) (amadoda ama-2 amadala namakhwenkwe ama-2) kunye nabasetyhini abadala ababini(2) Abonzakeleyo abathathu(3) ngamadoda onke kuquka nomqhubi, basiwe kwisibhedlele iAll Saints eNgcobo ukuze bafumane unyango. Oyena nobangela wale ngozi awukaziwa okwangoku. Ityala lokubulala ngokungenanjongo livuliwe kwisikhululo saseNgcobo ukuze kuqhutywe uphando.
