Ingqonyela yeConsumer Goods Council of South Africa uZinhle Tyikwe uthi kuninzi ukutya okungekho mthethweni nokwenkohliso, icuba notywala emarikeni yaseMzantsi Africa.
Ebethetha ngethuba kumsitho obuququzelelwe ngamapolisa aseGauteng nalapho kutshatyalaliswe iimpahla zomgunyathi ezixabisa iibhiliyoni ezintathu zeerandi eziquka izihlangu, iimpahla, amayeza, icuba kunye notywala.
Oku kulandela ukubhubha kwabantwana, abanye babo bathe bagula emva kokuba betye ukutya okanye amashwamshwam abawathengwe kwiivenkile zespaza.
UTyikwe ubongoze uluntu ukuba lusebenzisane namaqela achaphazelekayo aquka abomthetho kunye norhulumente ukuze aveze abo babandakanyeka kurhwebo lweempahla zomgunyathi nezingekho mthethweni.
“Ukuba ubunokuthenga kwivenkile ekufutshane nawe, ipakethe yecuba engaphantsi kwama-R22, icuba, elo cuba alikho mthethweni. Kuba loo mntu akahlawuli rhafu kurhulumente.
