I-ATM iyakugxeka ukudlwengulwa okuphindaphindiweyo kunye nokubethwa kwenkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala ngamadoda amathathu eMpuma Koloni.
Ngokokutsho kukaMnumzana Ntshona, lo wasetyhini udlwengulwe yindoda eqhekeze umzi wakhe. Ngelixesha, iqabane lakhe liye lamshiya yedwa endlini, emveni koko yena weva ngecango likhatywa ngamadoda amathathu. La madoda aye angena ngaphakathi endlini afika ehleli yedwa amdlwengula ngaphezulu kweyure ezintathu umntu ngamnye betshintshana.
Umbutho weAfrican Transformation Movement (ATM) usigxeka ngokungathandabuzekiyo isenzo esimanyumnyezi sobundlobongela kunye nodlwengulo olwenziwe kwinkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesithandathu (26) ubudala ngokukhonjwa ngompu kuMasipala waseMhlontlo, kwilali yaseLangeni.
Esi siganeko simanyumnyezi, esathatha iiyure ezintathu ezibuhlungu, sibandakanya uhlaselo olungenalusini kunye nokwaphulwa okuphindaphindiweyo kwexhoba ngamadoda amathathu, nto leyo ephumele ekutshatyalalisweni kwekhaya lalo ngabom.
Izenzo ezilolo hlobo zisigculelo esinzulu kwisidima somntu kwaye kufuneka zihlangabezwe ngesona sohlwayo siqatha sivela kuwo onke amacandelo oluntu.
I-ATM ime kwintsebenziswano nexhoba, elishiywe lixhwalekile ngenxa yesi sihelegu. Inyaniso yokuba omnye wabenzi bobubi uyaziwa lixhoba igxininisa ukungcatshwa kwentembeko kunye nezenzo ezigqubayo zobundlobongela ekufuneka zipheliswe kuluntu lwethu.
Kukujongelwa phantsi kobuntu bethu kunye nesikhumbuzo esicacileyo semfuneko engxamisekileyo yamanyathelo abanzi okulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kwilizwe lethu.
Isithethi sombuthi iATM, uMnumzama Zama Ntshona uthi bengumbutho bamemelela ukuba kuthathwe amanyathelo akhawulezileyo naqinisekileyo kumagunya ogcino-mthetho, ingakumbi iNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS), ukuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayagwetywa. I-ATM ifuna ukuba abo banoxanduva bajongane nengalo yomthetho, kubandakanywa ukuwiswa kwesona sigwebo siphezulu.
Ubulungisa akufunekanga bulandelwe kuphela kodwa kufuneka bubonwe ukuba buyenziwa, njengoko ixhoba belilungiselela ukujongana nabahlaseli balo enkundleni nge-02 Okthobha 2024.
I-ATM ibongoza bonke abemi ukuba bazibandakanye kumlo ochasene nobundlobongela obusekelwe kwisini, ukuxhasa amaxhoba, nokukhuthaza uluntu apho wonke umntu anokuphila ngaphandle koloyiko nokwenzakala. Kufuneka ngokudibeneyo sisebenzele ikamva apho izenzo zenkohlakalo zingasanyamezeleki, nalapho ubulungisa bukho kwabo babandezelekileyo.
Siyaliphinda ikhwelo lethu lobulungisa kwixhoba kwaye sivakalisa uvelwano lwethu olunzulu ngomothuko athe walunyamezela. Esi sehlo sihlaba ikhwelo kuthi sonke ukuba masiphakame, sithethe, kwaye sithathe amanyathelo ngokuchasene nesibetho sobundlobongela obujoliswe kwabasetyhini kuluntu lwethu.
Ityala lavulwa kwiSAPS, kwisikhululo samaPolisa akuQumbu, iCase Number CAS 107/9/2024.