Home Iindaba Inkokheli yeACDP eMpuma Koloni ivule ityala ngakuSodolophu waseNelson Mandela Metro.

    Inkokheli yeACDP eMpuma Koloni ivule ityala ngakuSodolophu waseNelson Mandela Metro.

    Inkokeli yeACDP eMpuma Koloni, uLance Grootboom ngoLwesibini uvule ityala kwizityholo zobuqhetseba kuSodolophu waseNelson Mandela Bay, uGary Van Niekerk kwisikhululo samapolisa saseHumewood.

    Izityholo zobuqhophololo ziphathelele kwisigqibo sikaVan Niekerk sokufuna iinkonzo zefem yamagqwetha ukuba immele ngamadabi akhe asemthethweni, xa kutyholwa ukuba wayengaselilo ilungu lebhunga. UGrootboom uthi ngexesha lezityholo zolwaphulo-mthetho uVan Niekerk wachaza ngendlela engeyiyo njengoko izihlalo zeNorthern Alliance kwibhunga zazisele zibhengezwe ukuba azinamntu.

    UGrootboom uthi ngokwenza oku ujongele phantsi ukuthembeka kwebhunga kwaye walibophelela iziko ngemali xa wayengenagunya lokwenza oko. Uthe Ngenxa yezenzo zakhe, iBoqwana Burns Attorneys ngoku ifuna intlawulo engaphaya kwe-R500 000 ngeenkonzo azenzileyo. Kusenjalo UVan Niekerk uthe izenzo zeACDP ziinzame ezibuthathaka zokufumana ukubaluleka kwezopolitiko apho iphulukene negama layo. Uchaze lo mbutho njengenguqulelo ephantsi yeDemocratic Alliance (DA).

    NgokukaVan Niekerk, wayekhusela uMasipala waseNelson Mandela Bay, kwisikhundla sakhe esisemthethweni. Uthi Ngaphandle kwesenzo esichasene neqela lakhe lezopolitiko, bebenomyalelo owawubathintela ukuba basuswe njengooCeba. Ukwathe Oko onyulwe njengoSomlomo weBhunga, luninzi lweBhunga likaMasipala, uye wawenza umsebenzi wakhe njengoko bekufuneka, kangangoko anako. Ulebele ngelithi Owona myalelo weNkundla waqinisekisa ukuma kwabo okuhle njengooCeba.

    Kusenjalo UGrootboom uthe iACDP iza kubeka isindululo kwintlanganiso elandelayo yebhunga, icela ukuba uVan Niekerk anqunyanyiswe, ngelixa kusenziwa uphando yiKomiti yeMithetho neeNqobo eziseSikweni. Esabela kwisindululo esicwangcisiweyo, uVan Niekerk uthe: Inxalenye yeli phulo lingenamsebenzi, liya kuba lelenzuzo kwezopolitiko hayi ngenxa yazo naziphi na izenzo ezigwenxa.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks