Inkqubo yoNxibelelwano noLwazi lukaRhulumente (i-GCIS) ihlaba ikhwelo kumalungu oonondaba anqwenela ukuthatha inxaxheba kwimibhiyozo ezayo yeminyaka engamashumi amabini (20 ) yeNkqubo eyaNdisiweyo yemisebenzi kaRhulumente (EPWP).
INkqubo eYandisiweyo yeMisebenzi yoLuntu yeyona nkqubo inkulu yehlabathi eqhubekayo yokuqesha uluntu.
Lo msitho uza kusetyenziselwa ukutyhila izigidi zamathuba omsebenzi awongezelelweyo aza kunikezelwa kule minyaka mihlanu izayo. La mathuba emisebenzi aya kuxhamlisa abasetyhini, ulutsha kunye nemizi ehluphekayo kwiindawo esihlala kuzo.
Umbhiyozo weMinyaka engamaShumi amabini (20) e-EPWP ucwangciselwe ukuba ngoLwesithathu, umhla wamaMashumi amabini anesine (24) kuTshazimpuzi 2024 eBuffalo City Stadium, eMonti kwiPhondo leMpuma Koloni.
Imibhiyozo yeMinyaka engamaShumi amabini (20) ye-EPWP iqhubeka kunyaka apho uMzantsi Afrika ubhiyozela iminyaka engamashumi amathathu (30) yeNkululeko neDemokhrasi.
Eli lixesha lokucinga kunye nokuqinisa zonke iinzuzo ezifunyenweyo kolu hambo lwedemokhrasi phantsi korhulumente wedemokhrasi.
Anitha Qubula