Home Iindaba INkulumbuso uMabuyane uqhwabele izandla inyathelo lokuthotyelwa komthetho eMpuma Kapa.

INkulumbuso uMabuyane uqhwabele izandla inyathelo lokuthotyelwa komthetho eMpuma Kapa.

INkulumbuso yaseMpuma Kapa uLubabalo Oscar Mabuyane uncome amaziko ogcino-mthetho ngokukhawuleza ukubamba abarhanelwa abayamene nokubulawa kukaConstable Callan Andrews kunye nokubulawa kwabantu abaninzi eLusikisiki.

Umfanekiso: INkulumbuso yePhondo leMpuma Kapa Oscar Mabuyane.

INkulumbuso yaseMpuma Kapa uLubabalo Oscar Mabuyane uncome amaziko ogcino-mthetho ngokukhawuleza ukubamba abarhanelwa abayamene nokubulawa kukaConstable Callan Andrews kunye nokubulawa kwabantu abaninzi eLusikisiki.

UConstable Andrews, owadutyulwa wafa ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoMnga 2024 ngethuba esabela isikhalazo eGalvandale, eGqeberha, uwongiwe emva kokusweleka kwakhe ngenxa yophando olukhawulezileyo ngabasemagunyeni. Abarhanelwa abaminyaka ilishumi elinesixhenxe (17) neshumi elinesibhozo (18) babanjiwe ngempelaveki eGqeberha emva kophando olunzulu.

INkulumbuso uMabuyane ukwaqhwabele izandla ukubanjwa komrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini (20) ubudala noyayanyaniswa kwintlekele yokubulawa kwabantu eLusikisiki eyenzeka ngenyanga yoMsintsi 2024. Umrhanelwa ubanjwe ekhwele ibhasi eQonce ebisiya eKapa.

“Asinakukunyamezela ukubulawa kwabantu ngokungenangqiqo kuquka namapolisa ethu, kwaye ndiwaqhwabela izandla amaziko omthetho ngokubamba abarhanelwa,” itshilo iNkulumbuso uMabuyane.

Uphinde wavakalisa amazwi ovelwano kusapho noogxa bakaConstable Andrews, eqinisekisa ukuzibophelela kukarhulumente wephondo ekusebenzisaneni nabomthetho ukunikezela ngobulungisa.

“Sizakubazingela abo benza ubundlobongela, sibabambe, abantu bethu bafanele ukuhlala ngoxolo, kwaye akhonto izakusinqanda ukuqinisekisa ukuba ucwangco luyagcinwa,” uthethe watsho uMabuyane.

Oku kubanjwa kubonisa ukuzimisela kwee-arhente zogcino-mthetho kunye norhulumente waseMpuma Kapa ukujongana nobundlobongela nokuqinisekisa ukhuseleko kubo bonke abahlali.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks