INkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane ishiywe nguMama wayo.

UMbutho weAfrican National Congress (ANC) eMpuma Koloni uvakalise ukusweleka kukaNkosazana Nolandile Mabuyane, ongunina kaSihlalo wePhondo neNkulumbuso uLubabalo Oscar Mabuyane.

UNkosikazi Mabuyane ubhubhe ngoxolo ngentseni yangoLwesibini emva kokugula ixesha, iqela liqinisekise latsho kwingxelo.

“Ukusweleka kukaNkosazana Nolandile Mabuyane yilahleko enkulu, hayi nje kusapho lakwaMabuyane, yilahleko kusapho lweANC nakuluntu lonke loMzantsi Afrika,” utshilo lo mbutho.

Umbutho we-ANC umchaze njengomntu obethandwa kakhulu ubukho bakhe. “Sidlulisa amazwi ovelwano olunzulu kwiqabane uMabuyane nosapho lwakhe ngokusweleka komama ebethandwa kakhulu.

Amagosa alo mbutho abongoze usapho lakwaMabuyane ukuba lufumane amandla ngeli xesha lobunzima.

“Banga bangafumana amandla okumelana nobunzima obuziswa leli lifu limnyama kusapho, wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo lwanaphakade,” iqukumbele njalo iANC.

Ngexesha lopapasho, ebengekabhengezwa amalungiselelo omngcwabo kaNkskz’Mabuyane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.3 ° C
20.3 °
20.3 °
91 %
0.4kmh
96 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
25 °

EZITHANDWAYO INDABA