22.7 C
King William's Town
Tuesday, January 20, 2026

INkundla ePhakamileyo yeNtshona Kapa ilikhabile ityala elibekwe ngakuMbutho iMK.

By Gcobisa Mtshixa

INkundla ePhakamileyo yeNtshona Kapa ilikhabile ityala elibekwe ngakuMbutho iMK malunga nokugxothwa wamalungu ayo ePalamente.

Amalungu alishumi (10) eQela le-MK ePalamente athi agxothwa ngokungekho mthethweni ukuze kuvuleleke indawo yababesakuba ngabaPhathi bee-Nkampani zoMbuso abasandul’ ukufungiswa.

INkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni igwebe abalishumi ababengamalungu oMbutho woMkhonto weSizwe (MK) ePalamente ababecela umngeni ngokugxothwa kwawo.

La malungu agxothwa ukuze kuvuleleke indawo yamalungu ePalamente asixhenxe aquka ababesakuba ziintloko zamashishini karhulumente abathe bafungiswa kutshanje.

Emva kokugxothwa kwabo, isithethi seqela leMK uNhlamulo Ndhlela uthe uninzi lwabo bebekuluhlu lwabagqatswa bombutho bekungamelanga ukuba bebekho kwasekuqaleni.

UNdhlela uthi uludwe lwabo lonakele kwaye lwaphela lubandakanya inkokeli yombutho uJacob Zuma athe bekungamelanga ukuba avele kolu luhlu.

Ukuthatha indawo yamalungu ePalamente agxothiweyo, umbutho okhokelwa nguZuma ufungise uMzwanele Manyi othe kutshanje walahla i-Economic Freedom Fighters (EFF), abo babesakuba ziintloko zamashishini karhulumente betyholwa ngorhwaphilizo uBrian Molefe, Siyabonga Gama noLucky Montana kunye noThulani Gamede othembekileyo kuZuma. UGama yena waasuswa ngemizuzu yokugqibela kuluhlu lwamalungu eQela leMK elisingise kwindlu yowiso-mthetho yaseKZN.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
22.7 ° C
22.7 °
22.7 °
49 %
4.2kmh
46 %
Tue
24 °
Wed
30 °
Thu
35 °
Fri
24 °
Sat
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks