Inqununu yesikolo samabanga aphantsi eMpuma Koloni ityholwa ngokubetha abantwana ababini abasebancinci emva kwezityholo zokuba babe izinto zesi sikolo ngethuba leeholide zikaJulayi.
Iphepha-ndaba i-IOL lithi, isithethi seSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uMali Mtima, uthe baqhuba uphando oluntlu-mbini ngamapolisa ala mmandla kunye nezakhiwo zangaphakathi zesebe kulandela isehlo esibandakanya inqununu yesikolo samabanga aphantsi i-Equleni.
Aba bantwana baneminyaka emithandathu nesithoba ubudala batyholwa ngokweba izinto zesi sikolo eziquka amaphepha angu-A4, iheater, umgqomo kwakunye nemicrowave. Aba bafundi bakwiBanga lokuqala (1) neBanga lesithathu (3).
UMtima uthi isebe lazisiwe emva kokuba amapolisa efikile esikolweni eze kubamba inqununu.
“Sidibene nabaphathi besikolo, amalungu eSchool Governing Body, amagosa esebe kwakunye namapolisa kwakunye neCommunity Policing Forum ukuze sifumanise ubunyani ngalo mba.
“Kukwaqhuba iinkqubo zangaphakathi ukuze kungaphazamisi ukufunda esikolweni,” utshilo uMtima.
Wongeze ngelithi lo gama kukho izityholo ezityatyekwa inqununu, kukho amalungu eCPF athi inqununu ayibandakanyeki ekubetheni abafundi.
Nangona kunjalo, uMtima uthe konke oku kuya kuqinisekiswa kwintlanganiso kunye nophando olulandelayo.
Wongeze ngelithi isebe lizama ukuqinisekisa ukuba ukufunda kuyaqhubeka esikolweni ukuze kuncitshiswe nayiphi na ingxabano kubahlali ngenxa yesi sehlo.
