Kuthe ndii kumakhasi ezonxibelelwano, uluntu luphakanyelwe ziimvakalelo, inimba isika emtwini. Oku kusemva kokuba ushicilelo lomboniso owenziwe nguTitshalakazi wesikolo,uthe saa kumakhasi onxibelelwano ubonisa abantwana besitya iiPie nento yokuthoba, kodwa omnye kubo engacholi naphantsi.
Ngokwengxelo zeempukane eziluhlaza, esisiganeko senzeke kwisikolo saseGeorge eNtshona Koloni apho utitshalakazi etyhola ngelithi olushicilelo ulwenza kuba efuna ukubonisa abazali, kuquka nokudinwa kwakhe ukukhupha kuye epokothweni ukukhawulelana nalemeko yabantwana abo athi abanayo into esiwa phantsi kwempumlo. Ngelishwa oloshicilelo alufikelelanga kakuhle eluntwini kwaye balugcwabevu ngumsindo.
Uninzi lubone lemeko njengehlazo, ukukhohlakala nokungabikho sizi kutitshala lowo wesikolo.
IMandisi Tshingana Foundation, ingenelele ke nabalandeli bayo, beqokelela oko kungenayo kungumnikelo ukuze kuhlanjwe ihlazo lomtwana nomzali wakhe. Sithetha nje lombutho wesisa sele uqokelele imali ebalelwa kuR29 000 nekulindeleke ukuba inikwe umzali womntwana ukuze akwazi ukuba abenokutya esikolweni.
Umntu ngumtu ngabantu.
