I-Talent Show Movement, eliphulo lokuvuselela nokunika ingqwalasela kubantwana basezilokishini isungule umboniso wayo wokuqala kwilokishi yaseNompumelelo eGqobhasi, eMonti ngoomhla wesibhozo kweyeSilimela 2024, ngenjongo zokuveza nokukhangela nokuxhasa abantwna abaphuma ezilokishini nasezilalini abaneziphiwo.
Oku kuza emveni kokuba umsunguli weliphulo uMfundo Siwayi ebenombono wokuphucula impilo zabantwana abanesakhono sokucula, omajaivana, imbongi kanye nabathanda umculo weHip-Hop kodwa bengakwzi ukuqhubela phambile.
USiwayi uthi “Ndibonile ukuba lento ilubizo lwam kwaye ngokubambisana noluntu ndingayifumana inkxaso ezilokishini nasezilalini.”
Lombono waqala ukuba nawo uSiwayi ngo nyaka ka-2013/2014 kwibandla osindiso engumdlali weKeyboard kwi ndawo yaseZiphunzana, Kwelera nase-Kei Mouth evumela ulutsha ukuba lucule kumabandla ohlukeneyo ukuveza izakhono zabo.
Eli phulo lijonge ukuzakhela kwaye luqaqambise izakhono zabantwana ukuze ngokubaqeqesha ukuze bakwazi ukuyocula ezinkonzweni, emingcwabeni nasemicimbini yoluntu. Omnye weArtists zeliphulo, uQiniso uthi ” uyimbongi yosiba eziphilisa ngokubhala imibongo kwaye waqala esemncinane kwindawo yase-Kei Mouth”.
Eli phulo livuleleke nakuye wonke umntu oseMonti nangaphandle kweMonti ukuquka lonke eliphondo lase Mpuma Koloni ukuba bazoba yingxenye yalomsebenzi.
Abahlali bebonovuyo ngolusuku ngoa babone ukuba yinto ezoqokolela abantwana babo ezitratweni bekhangela ukwenza zinto ezingalunganga okanye batye iziyobisi.
Umsunguli uhlaba ikhwelo koosomashishini nakurhulumente ukuba bamxhase ngezinto ezidingekayo ukuze amaphupho afezeke.
Ongeziwe Ntondini.
