Home Iindaba IPolisa laseMpuma Koloni linyobana nosapho lwabarhanelwa.

IPolisa laseMpuma Koloni linyobana nosapho lwabarhanelwa.

Kushicilelo olufunyenwe yi-EC Indaba, iGosa eliPhezulu lePolisa livakala licela ukunyotywa ngesixa-mali esilingana namashumi amathathu amawaka eerandi kwiintsapho zabarhanelwa abathathu ababanjwe ngamagosa enkampani yonogada yakwaReaction Unit South Africa eCoffee Bay-eMpuma Koloni ngobusuku bangoLwesibini, umhla weshumi elinesithandathu kuTshazimpuzi 2024.

I-Reaction Unit South Africa (RUSA) ithumele igqiza eMpuma Koloni malunga neekhilomitha ezingamakhulu amahlanu namashumi amane ukusuka kwindawo yexhwayelo kunye nokuzama ukubulala okwenzeke eManzimtoti-KwaZulu Natal.

Amagosa akwaReaction Unit abambe umyeni wexhoba, uRamith Aneerudh, kunye nabalingane ababini uNatasha Nell kunye noKyle Clayton. Bavalelwa eCoffee Bay SAPS.

Esi sithathu sibekw’ ityala ngokukrwitsha umfazi ka-Aneerudh nokuzama ukulahla umzimba wakhe kumasimi ezwele. Le nkosikazi yasinda kwiinzame zobomi bakhe kwaye ngoku ukwindawo ekhuselekileyo.

Iqela leReaction Unit lisebenze ubusuku bonke kummandla weentaba eCoffee Bay laza lafumana isithuthi, iToyota Etios esiliva esetyenziswe kulwaphulo-mthetho.

La magosa akhusele esisiithuthi iiyure ezilishumi elinesine ze anikezela indawo yexhwayelo kwiNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika ekufikeni kwawo.

Endleleni ebuyela KwaZulu Natal, la mapolisa aye axelelwa ukuba igosa eliphezulu leSAPS lalinxibelelana neentsapho zabarhanelwa lizicelela ukunyotywa ngamawaka alishumi namakhulu amahlanu eerandi kwaye iphindwe kabini lemali ukuze namanye amapolisa aza kunceda abarhanelwa ukuba babaleke eluvalelweni azuze.

Njengoko kuxoxiwe kushicilelo, ipolisa lathi lizakubakhupha abarhanelwa ngokungathi baqweshile.

Xa usapho luchaza ukuba imali engamashumi amathathu amawaka eerandi ayifumanekanga kwangoko, ipolisa lacela ezinye iinkcukacha zolunye usapho.

Ekugqibeleni utsalele umnxeba usapho lwabo bobathathu abarhanelwa, enika iinkcukacha zeakhawunti yebhanki kunye neenombolo zoqhagamshelwano.

AmaGosa eReaction Unit alandele umkhondo wonxibelelwano okhokelele kwiKoloneli kwiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika.

Kwaye kwafunyaniswa ukuba inombolo esetyenzisiweyo ukufuna ukunyotywa yayiyinombolo enye neyasentyenziswa lipolisa ukunxibelelana ngayo namaGosa eReaction Unit ngaloo ntsasa ukuqokelela ulwazi oluthe kratya ngokubanjwa nokuvalelwa.

Amagosa eReaction Unit aphethe ushicilelo oluninzi, imifanekiso yepolisa kunye neenkcukacha zeakhawunti yebhanki yakhe azinike iintsapho zabarhanelwa.

Amagosa akwaReaction Unit, ixhoba (umfazi) kunye namangqina kulo mba babekwe elugcinweni oluphephileyo.

By Siyakholwa Vuso

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks