33 C
King William's Town
Sunday, January 26, 2025

Iqalile itumente yombhoxo eMpuma Koloni

UMphathiswa wezeMidlalo, uLonwabo uGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uNksz Fezeka Nkomonye izolo uphehlelele ngokusesikweni itumente yoMbhoxo yeSuper 14 eMpuma Koloni.

Ukanti kulomsitho ukwanikezele ngezixhobo zemidlalo kuwo onke amaqela athathe inxaxheba kulentumente. Olu khuphiswano, noluyitumente ephambili yamaqela ebhola yombhoxo kweli phondo, lubanjwa minyaka le, apho amaqela alishumi elinesine(14) adibana ngentloko kukhuphiswano lweeveki ezisithoba. Letumente yeminyaka elishumi elinanye iqale ngamaqela alishumi elinesibini(12) yaze yanda iyokutsho kumaqela aliqela alishumi elinesine(14).

Ikhe yanqunyanyiswa iminyaka emibini kulandela ukuqhambuka kwentsholongwane i(coronavirus) elizweni. ISebe linikezele ngemali kuwo onke amaqela athe athatha inxaxheba kunye namaqela amane aphumeleleyo. Kwingxelo yakhe uMphathiswa uFezeka Nkomonye uthi akayithandisisi into yokuba letumente yonganyelwe ngamadoda kungabikho manina kolu khuphiswano.

Uthi ngoku ufuna imibutho yoMbhoxo iphume iyokukhangela amaqela wabasetyhini kuMbhoxo oza kukhuphisana kule tumente kunyaka ozayo. Uqhube wathi kuyadanisa ukubona amaqela amanye oko ekhuphisana minyaka le koko ufuna ukubona amaqela aphuma emaphandleni ingakumbi ezilalini ethatha inxaxheba kolukhuphiswano.

I-Eastern Cape Super 14 Rugby Tournament iqala umdlalo wayo wokuqala ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibini kweyoMqungu ka2022.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
33 ° C
33 °
33 °
35 %
3kmh
0 %
Sun
35 °
Mon
22 °
Tue
30 °
Wed
37 °
Thu
36 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks