Home Iindaba Iqela lamatsha ntliziyo amalungelo abasetyhini Ligxeke Isigqibo kwityala lika Judge Mbenenge 

Iqela lamatsha ntliziyo amalungelo abasetyhini Ligxeke Isigqibo kwityala lika Judge Mbenenge 

Umbutho wokukhusela amalungelo abasetyhini ugxeke isigqibo seJudicial Conduct Tribunal esijongene noMongameli weNkundla eMpuma Koloni, uSelby Mbenenge.

Itribhunali imkhulule uMbenenge kwizityholo zokuhlukumeza ngokwesondo nakwisigqibo sokuziphatha kakubi okunzulu (gross misconduct), kodwa yamfumana enetyala lokuziphatha kakubi (misconduct). Nangona kunjalo, yagqiba kwelokuba izenzo zakhe azifikeleli kumgangatho wokuziphatha kakubi okunzulu.

Kwiziphumo zophando lwayo, itribhunali ithe uMbenenge waqalisa waza waqhuba ubudlelwane obuneempawu zokudlala ngothando (flirtatious) nonobhala weNkundla ePhakamileyo, uAndiswa Mengo.

UBrenda Madumise-Pajibo wombutho iWise4Afrika uthe esi sigqibo siphakamisa imibuzo enzulu malunga noxanduva ngaphakathi kweNkundla.

“Kufuneka sicinge nzulu ukuba le sigwebo sithini. Sithi umntu angadlula kuzo zonke ezi meko, aze lowo umenzele oko afumane isohlwayo esincinci kuba sicinga ukuba akunzima ngokwaneleyo,” utshilo.

UMadumise-Pajibo ulumkise ngelithi esi sigqibo sinokwenza abanye abasetyhini bangabi nesibindi sokuxela iziganeko zokuhlukumeza ngokwesondo.

“Abasetyhini abasebenza kwelo candelo baza kucinga kabini phambi kokuba baxele ukuhlukumeza ngokwesondo,” utshilo.

Eli qela belithetha kudliwano ndlebe nesikhululo sika mabona kuse sendaba I-ENCA.

Uthe esi sigqibo sisiphosele ithuba lokuthatha inyathelo eliqinileyo ngokuchasene nokuhlukumeza ngokwesondo emsebenzini.

“Umgaqo-nkqubo wokulwa ukuhlukumeza ngokwesondo kwiNkundla awunantsingiselo. Olu hlobo lokuziphatha luza kuqhubeka, lufihlwe kwaye luchazwe njengenkcubeko,” wongeze watsho uMadumise-Pajibo.


Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks