Iqela leNkatha Freedom Party (IFP) eGauteng lithi liphoxekile kukuba kuphindwe kwahlehliswa isibhengezo sesigqeba sephondo phezolo.
Oku kuza emva kokuba uthethwano phakathi kwe-African National Congress (ANC) kunye neDemocratic Alliance (DA) belufikelele esiphelweni kwakhona.
Inkulumbuso yaseGauteng uPanyaza Lesufi namhlanje kulindeleke ukuba abhengeze abo bazakungena kwizikhundla zoMphathiswa wePhondo kurhulumente womanyano wephondo.
UAlco Ngobese we-IFP eGauteng uthi, badane kakhulu. Abantu banexhala eGauteng. Bafuna ukubona urhulumente esebenza, mininzi imiba yokuhanjiswa kweenkonzo ezikhoyo. Bakwabongoza iANC neDA ukuba zifumanane ngokukhawuleza.
Kusenjalo, i-IFP KwaZulu-Natal ikwamkele ukuchongwa kwezinye zeenkokeli zayo eziphezulu ukuba zibe yinxalenye yekhabhinethi entsha kamongameli uCyril Ramaphosa kulawulo lwesixhenxe.
Umongameli weqela le-IFP uVelenkosini Hlabisa uchongwe njengoMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yeMveli (Cogta), ngelixa usekela wakhe uNkosi Mzamo Buthelezi enguMphathiswa weNkonzo kaRhulumente noLawulo.
Isithethi se-IFP uMkhuleko Hlengwa uqeshwe njengoSekela Mphathiswa wezoThutho, ngelixa uNondyebo weqela, uNarend Singh, enguSekela Mphathiswa wezamaHlathi, uLoba nokusiNgqongileyo omtsha.
USihlalo we-IFP uThami Ntuli uthi la malungu anolwazi olufunekayo kubasebenzi abatsha.
“Ukuze i-IFP idlale indima kwizikhundla ezibalulekileyo kwindlu yowiso-mthetho kazwelonke, ndicinga ukuba iya kusenza sikwazi ukuvakalisa umbono ebesinawo malunga nelizwe lethu njengelifa leNkosana uMangosuthu Buthelezi, njengoko sinesicwangciso sokuba singenza njani na ukusombulula iingxaki ezijongene nabantu baseMzantsi Afrika,” utshilo uNtuli.
