Home Iindaba Iqela lezopilotiko iANC eMpuma Koloni,lithi lidale amathuba emisebenzi.

    Iqela lezopilotiko iANC eMpuma Koloni,lithi lidale amathuba emisebenzi.

    Umbutho weANC eMpuma Koloni uthi udale imisebenzi engaphaya kwe-140 000 kwi90 000 ebijolise kuyo ngexesha lonyulo luka-2019.

    Oku kudizwe ngethuba kusenziwa uphononongo lweManifesto yephondo ka-2019 eGqeberha ngoMgqibelo. Lomsitho ubuzinyaswe ngamalungu awohlukeneyo yeKomiti yesigqeba seSizwe, nangona kunjalo iMpuma Koloni lelinye lawona maphondo anezinga eliphezulu lentswela-ngqesho, kungoku nje liku-40%.

    UNondyebo Jikelele we-ANC, uGwen Ramokgopa uthi, kule minyaka imbalwa idlulileyo, benze amanyathelo okulungisa imiba yentlalo noqoqosho ejongene nephondo. Esithi I-ANC izimisele ukuzisa utshintsho ebantwini beli phondo.

    Ukwathe lombutho ujolise ukuhlala uqinisekisa ukuba uyayilungisa yonke imiba, efana nokunqongophala kwemisebenzi, izindlu nezinye ezininzi kwaye uncede abantu bafumane ubomi obungcono.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks