Home Iindaba IQela lokuThintelwa koLwaphulo-mthetho kwiSithili iO.R Tambo lisebenze ngempumulelo.

IQela lokuThintelwa koLwaphulo-mthetho kwiSithili iO.R Tambo lisebenze ngempumulelo.

IQela lokuThintelwa koLwaphulo-mthetho kwiSithili iO.R Tambo lisebenze ngempumulelo.

Umfanekiso: Ifoto - INkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika.

IQela lokuThintela ukuBiwa kweMfuyo kwisithili saseO.R Tambo lisebenze ngempumelelo ukunqanda ukubiwa kwemfuyo kwiindawo ezishushu phakathi kwesi Sithili, eli linyathelo elimandla njengoko befumene iigusha ebezibiwe eMthatha naseBityi ukusukela ngoLwesithathu, 03/09 de kwangoLwesine, 04/09.

NgoLwesithathu, 03/09 malunga nentsimbi ye-03:00 eli qela libambe umrhanelwa oneminyaka engama-40 ubudala kwisitalato saseMthatha Callaway kunye negusha enye ephilayo kunye nenyama yezilwanyana ekutyholwa ukuba zibiwe eMthatha SPCA (Society Preventing Cruelty To Animals) abasebenzi boluntu bebachaza kakuhle.

IQela lokuThintelwa koLwaphulo-mthetho kwiSithili iO.R Tambo lisebenze ngempumulelo.

Kwesinye isiganeko esinganxulumenanga eXhwili-eBhityi, kufunyenwe iigusha ezingamashumi amahlanu anesithathu (53) ligqiza ngoLwesine, 04/09 malunga ne-03:00 zabuyiselwa kumniniyo ngokusemthethweni. Ezi gusha zibiwe ngoLwesithathu, 03/09 malunga no-22H00 kwaye zashiywa ngabarhanelwa. 

I-SAPS ibongoza amafama emfuyo ukuba asoloko etyelela iintlanti zawo kwaye axele ngoko nangoko impahla ebiweyo ukuze afumane uncedo olukhawulezileyo lwamapolisa.

Indoda eneminyaka engama-40 ubudala ilindeleke ukuba ivele phambi kweNkundla kaMantyi eMthatha ngoLwesine, umhla we-04/09, ngezityholo ekurhanelwa ukuba zezemfuyo.

UMkomishinala weSithili sase-OR Tambo, uMajor General Norman Modishana uncome amanyathelo akhawulezileyo athathwe liqela ekulweni ubusela bemfuyo kwisithili njengoko iseyenye yolwaphulo-mthetho olunenkani ekufuneka lujongwe ngqwabalala.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks