Home Iindaba ISAZISO MALUNGA NOMBANE, E-MONTI.

    ISAZISO MALUNGA NOMBANE, E-MONTI.

    UMasipala ombaxa waseBuffalo City ufumene imozulu embi ebivuthuza ngamandla kulempelaveki kwaye oku kube nefuthe kunikezelo lombane.

    UMasipala ombaxa waseBuffalo City ufumene imozulu embi ebivuthuza ngamandla kulempelaveki kwaye oku kube nefuthe kunikezelo lombane.

    Izaqhwithi ezinamandla zomoya ezifunyenwe kuso sonke isixeko ezivelisa ukungqubana kweengcingo, ukunqunyulwa kweentambo zombane kwiindawo ezininzi ezichaphazela izindlu zasekuhlaleni kunye nokuqhawulwa kwe-OverHead Lines ezibonelela ngeendawo ezinkulu.

    Omabini amaqela alindileyo kaMasipala kunye noncedo lweekontraka baqeshwe ukubuyisela uthungelwano.

    Uninzi lweendawo zibuyiselwe.

    Ezi ndawo zilandelayo ziseneziphene:

    Mdantsane:

    Zone 1 koo-2300
    Ummandla wonke ka-Zone 5 kunye no-Zone2.
    Zone 7 koo-3300
    Zone 8 & 10
    Zone 14 ko-800, ko-10000 kunye nako-1100

    Monti:
    Vincent
    eCambridge
    Amalinda
    eBerea
    Bonnie Doon

    EQonce:

    Zwelitsha
    KWT
    Sweetwaters

    Njengoko umbane unokubuyiselwa nangaliphi na ixesha ungachazwanga, abahlali bayacetyiswa ukuba bazigcine zicinyiwe izixhobo zombane.

    Siyaxolisa ngenkxamleko.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks