15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Isebe lecMicimbi yezeKhaya yongeza iiyure zokusebenza phambi kobhaliso lwabavoti

ISebe leMicimbi yezeKhaya landise iiyure zokusebenza ngeempelaveki zokuqokelela izazisi phambi kwempelaveki yokuqala yokubhalisela ukuvota.

Kwingxelo yangoLwesihlanu, isebe lithe ulwandiso lwexesha kungenxa yokuhlangabezana neemfuno zokuqokelelwa kwezazisi kwaye iiyure zokusebenza zizokwandiswa ngeeyure ezintlanu.

Isithethi seSebe lezeKhaya, uSiya Qoza, uthi ii-ofisi zizakuvulwa ngoMgqibelo umhla we-4 kweyeNkanga, ngokunjalo nangoMgqibelo weshumi elinanye kweyeNkanga, iiyure ezintlanu ukuze abantu bathathe izazisi zabo kunye namapasi phambi kwempelaveki yokubhalisela ukuvota ngomhla weshumi elinesibhozo noweshumi elinesibhozo kule nyanga.

Iiyure zokusebenza ziya kuqala ngo-8 am ukuya ku-1pm.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks