Home Iindaba ISebe lezeMfundo eMpuma Kapa lizakusungula inkomfa yephondo yokufundisa okusemgangathweni.

    ISebe lezeMfundo eMpuma Kapa lizakusungula inkomfa yephondo yokufundisa okusemgangathweni.

    UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Kapa, uMnumzana Fundile Gade, uza kwenza intetho kwiNtlanganiso yamaPhondo yePhulo lokuFunda nokuFundisa okusemgangathweni (i-QLTC) ebibizwe liSebe leMfundo esiSiseko kwisiThili seMfundo seNqila iNelson Mandela (eGqeberha).

    Umfanekiso: UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Kapa, uFundile Gade.

    By Asemahle Mbete.

    UMphathiswa wezeMfundo eMpuma Kapa, uMnumzana Fundile Gade, uza kwenza intetho kwiNtlanganiso yamaPhondo yePhulo lokuFunda nokuFundisa okusemgangathweni (i-QLTC) ebibizwe liSebe leMfundo esiSiseko kwisiThili seMfundo seNqila iNelson Mandela (eGqeberha).

    Eli phulo lamkelwa kwiminyaka engaphezu kweshumi (10) eyadlulayo liSebe leMfundo esiSiseko (DBE) njengendlela yokulandelela umgangatho wokufundiswa kwekharityhulam kunye nokufundisa, inkxaso yabafundi eyahluka-hlukeneyo kuwo onke amabanga.

    Le nkomfa ke ngoko iya kusebenza njengeqonga elibalulekileyo kuwo onke amaphondo ukuba abelane ngamava, ezona ndlela zingcono zokusebenza kwaye ichaze indlela epheleleyo kunye nezicwangciso zolawulo lwesixhenxe.

    Le nkomfa, eqhubayo kungoku nje, izinyaswe ziingcali zemfundo, ii-(NGOs), iziFundo kunye nabanye abathathi-nxaxheba kwezemfundo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks