Home Iindaba ISebe lezeMfundo lilumkisa iiNqununu ngokubamba iziphumo zabafundi ngokungekho-mthethweni

    ISebe lezeMfundo lilumkisa iiNqununu ngokubamba iziphumo zabafundi ngokungekho-mthethweni

    By Esona Magawana

    ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni likhuphe umyalelo wokuba izikolo mazingawabambi amakhadi eripoti okanye iziphumo zemfundo zokuphela konyaka ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kubandakanywa ukungahlawulwa imirhumo yesikolo. Isaziso, somhla we-8 KweyoMnga 2025, sathunyelwa kubalawuli beeklasta, kubalawuli bezithili, kwiinqununu, kubaphathi beesekethe, kubaphathi beCMC namabhunga olawulo ezikolo.

    Isebe lezemfundo licaphule iSiqendu 41(7)(d) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, othi akukho mfundi makenziwe ixhoba okanye avinjwe ukungena kuyo nayiphi na inkqubo yesikolo ngenxa yemirhumo engahlawulwanga, kwaye makangalelwa ingxelo yesikolo okanye isatifikethi sokutshintshelwa kwesinye isikolo.

    Ibambela likaSekela Mlawuli-Jikelele we-EDC & IOM, uMnu V. A. Joseph, ukhumbuze iinqununu zezikolo ukuba ukubamba iziphumo zabafundi akukho mthethweni yaye kukwaphula umthetho ngqo. Abaphathi beesekethe bayalelwe ukuba baqinisekise ukuba zonke izikolo ziyawuthobela lo myalelo kwaye bakwazise ukuphunyezwa kwawo. Isebe liphinda lachaza ukuba onke amakhadi eengxelo makakhutshwe kuphela emva kokuqinisekiswa komgangatho nokuvunywa kweeshedyuli ngabaphathi beesekethe.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks