Home Iindaba ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa likhuphe ingxelo ngowaseTyhini obanga ukwaliwa ukunikwa umzimba womtwana...

    ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa likhuphe ingxelo ngowaseTyhini obanga ukwaliwa ukunikwa umzimba womtwana wakhe.

    ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa lithi liyavelana noNksz Busisiwe Mvimbani ngemeko yakhe yokwaliwa ilungelo lokuchonga umzimba kwiziko lophando lwaseGcuwa.

    Umfanekiso: UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Kapa, uNtandokazi Capa.

    ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa liqaphele iividiyo ezisasazwa kumakhasi onxibelelwano zikaNkosazana Busisiwe Mvimbani othi uvinjwe ilungelo lokuchonga umzimba kwiziko lophando lwaseGcuwa. Oku kwenzeke kwiveki ephelileyo.

    ISebe likwathe le meko liyiqaphele kushicilelo lwevidiyo ebijikeleza kumakhasi ezonxibelelwano apho uMvimbani esithi akaphathwa kakuhle malunga nesikhalo sakhe kwiziko lokuchonga imizimba eGcuwa.

    UMvimbani walahlekelwa ngumntwana wakhe oyintombazana ngonyaka ka-2022 ze wayovula ityala lo mntu olahlekileyo emapoliseni, emveni koko kwafunyanwa umzimba licandelo lophando lwe-SAPS. Ngamafutshane, le yimeko yentombi elahlekileyo kunye nomnqweno wokufumana umzimba wakhe.

    Ngo-2022, i-SAPS, yabhengeza ukuba kukho imizimba abayiqokelele kwiindawo ezahlukeneyo ezinokuhlangabezana nenkcazo yentombi elahlekileyo.

    Baye banxibelelana neNkonzo yethu ye-Forensic Pathology eGcuwa baza beza noNksz Mvimbani kwicandelo lethu ukuze abone la maqumrhu izihlandlo ezibini ngo-2022 – ngomhla wama-28 kuTshazimpuzi ka-2022 nangomhla we-13 kuMeyi ka-2022.

    Ingxelo yeSebe ithi uNkszn Mvinbani wayibona imizimba kodwa, elusizi, wachaza ukuba yayingeyiyo eyentombi yakhe elahlekileyo. Ngo-2023, uMvimbani wabuyela kwicandelo labo esithi uqinisekile ukuba umntwana wakhe ukwindawo yokugcina izidumbu. Imizimba yayiyimikhenkce yonke.

    ISebe kwakhona lalandela inkqubo yokuqhaqha imizimba kwaye inkqubo yokujonga imizimba yenziwa. Kwakhona, uNkszn Mvimbani aveze ukuba asikho isidumbu sentombi yakhe elahlekileyo.

    “Ekupheleni kuka-2024, uNksz Mvimbani uphinde wabuyela kwiinkonzo zethu ngenkolelo eqinileyo yokuba umzimba beekufaneleke ukhona. Imizimba ekubhekiswa kuyo ibigciniwe, ikhenkcezisiwe, ukusukela ngo-2022, kwaye kwafuneka ukuba ifakwe kwinkqubo yokunyibilikiswa. Kungoko uNkszn Mvimbani kuza kufuneka abuye azokubona imizimba kwakhona.”

    Kutyholwa ukuba kubekho intsebenziswano embi phakathi kukaNksk. Mvimbani kunye nelinye lamagosa ajongene eziko lokugcinwa kwezimizimba ebelisemsebenzini xa echaza ukuba ufuna ukuphinda abone imizimba kwakhona kwaye wacaciselwa ngenkqubo.

    ISebe lithi esi siganeko singumxholo wophando lwangaphakathi ukuqinisekisa ubunyani baso.

    ISebe lenze amalungiselelo, ngokomyalelo woMphathiswa oHloniphekileyo, ukuba uNksz Mvimbani aphinde abone imizimba kwakhona. Emva kokuthotywa kwezidumbu kwimpelaveki yonke, uNkszn Mvimbani uphinde waboniswa izidumbu izolo.

    Ukongeza, iisampulu ze-DNA zithathiwe izolo kuNkszn Mvimbani kwaye ziza kuvavanywa kwimizimba emibini yaseWillowvale. Oku kwenziwa ngentsebenziswano neNkonzo yaMapolisa oMzantsi Afrika eya kuthi ithumele iisampuli kwigumbi lovavanyo lwe-DNA.

    Iziphumo ziyakukhutshwa ngabe-SAPS, ngokuhambelana nemigaqo yabo, kwaye njengenxalenye yophando lwabo malunga netyala, ngqo noNksk. Mvimbani, ukuze afumane ukuxola.

    “Ekhangela intombi yakhe elahlekileyo, uNkszn Mvimbani ubone zonke izidumbu ezingaziwayo nezigcinwe kwiziko leenkonzo zenzululwazi ngezifo eGcuwa ukusukela ngo2022.”

    “Kufuneka kuqatshelwe ukuba ngamaxesha onke, uNksz Mvimbani uye waveza ukuba akukho nasinye isidumbu awayesibonile esiseso sentombi yakhe elahlekileyo, nangona esakholelwa ukuba isidumbu sikwindawo yokugcina izidumbu. Kufuneka sichaze ukuba kubonakala ngathi akukho siseko kwisityholo sokuba amaqumrhu atshintshiwe, njengoko kutyholwa.”

    Sibonelele uNksz Mvimbani ngeenkonzo zoluleko ukuze simncede akwazi ukulawula inkxwaleko nentlungu yakhe yokungafumani intombi yakhe elahlekileyo okwangoku.

    Sibongoza uluntu ukuba luvumele iinkqubo zeSAPS ukuba zenze umsebenzi wazo, njengoko ityala lokulahleka kwentombi lilawulwa yiSAPS.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks