Home Iindaba ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa liqguba ingguqu naphakathi kwemingeni.

    ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa liqguba ingguqu naphakathi kwemingeni.

    INtetho yoHlahlo-lwabiwo-mali ibalaselisa iNkqubela kuZinzo lwezeMali, uLwakhiwo olukhoyo, i-NHI kunye noTshintsho lweDijithali.

    Umfanekiso: UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Kapa, uNtandokazi Capa.

    ISebe lezeMpilo eMpuma Kapa lizibophelele ngenkalipho ekuzinziseni kwezemali kunye nohlengahlengiso lwezempilo, nangona imeko yezemali inemiqobo. Kwintetho yakhe yomgaqo-nkqubo kunye nohlahlo lwabiwo-mali luka-2025/26, uMphathiswa uNtandokazi Capa uchaze iindlela zokungenelela ezingundoqo zokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo, ukufakwa kwenkqubo yezempilo ekhompyutheni, kunye nokujongana nemiba yezempilo yoluntu, kuquka i-HIV/AIDS.

    “Uzinzo lwezemali ngokubhekiselele kwityala kunye noxinzelelo lwe-COE lufuna izigqibo ezinzima kunyaka-mali ka-2024/25 – sikwazile ukuwenza ukuba ehle amatyala saze sayinciphisa ngokubonakalayo inkcitho engaphaya kwenkcitho ye-COE,” utshilo uCapa.

    Ukwaqaphele ukuqaliswa kwamanyathelo okunciphisa iindleko kunye nephulo ekujoliswe kulo lokugaya elihambelana nesiCwangciso esitsha sokuQeshwa koNyaka.

    Utshintsho lugxininise kakhulu, kunye nokuqaliswa kweNkqubo yoLawulo lwezeMpilo yesibini (HMS2).

    “Isebe lenze inkqubela phambili ebonakalayo ekuqaliseni inkqubo yethu yokulawula iMpilo ephuhliswe ngaphakathi,” watsho. I-HMS2, idityaniswe neziseko ezingundoqo ze-Broadband, yabekwe njengomqolo wedijithali ekuphunyezweni kwexesha elizayo kwe-Inshurensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI).

    Kwi-NHI, uCapa ukwathe, “Ukutyikitywa koMthetho osaYilwayo nguMongameli uRamaphosa ngomhla we-15 kuCanzibe ngowama-2024, ibe linyathelo elibalulekileyo kuhambo lwethu olusingise ekufikeleleni kuwonke wonke nomgangatho obanzi wokujongana nezempilo kumntu wonke.”

    Le ntetho ikwajongene nemingeni eqhubekayo yempilo yoluntu, kugxilwe ngokutsha kwi-HIV/AIDS.

    “Sivavanye isigidi esinye, amakhulu amathandathu anamashumi amabini anesithathu amawaka, amakhulu amane anamashumi amahlanu ananye (1,623,451) abathengi [kwi-HIV] kwaye sabhalisa amakhulu amathandathu anamashumi amathandathu anesine amawaka, amakhulu amathathu anamashumi amathandathu anesibhozo (664,368) yabathengi kunyango lwe-antiretroviral,” utshilo, elumkisa ngokurhoxiswa kwenkxaso-mali yabasebenzi be-ARPF.

    Ukuvuselelwa kweziseko zophuhliso kuyaqhubeka, neeprojekthi ezinkulu ziyaqhubeka. “IBambisana (R628 yezigidi zeerandi), iZithulele (R1.068 yeebhiliyoni), kwakunye nezibhedlele zaseMadwaleni (R560 million) zisakhiwa,” utshilo uCapa.

    ISebe likwaqalisile ukuguqula ikliniki yaseLusikisiki ukuba ibe liziko lezempilo loluntu kwaye lisungule izisombululo zokwakha ezikwaziyo ukumelana nemozulu ukulwa nefuthe lemozulu embi.

    Njengoko iphondo lijijisana nomthwalo walo ophindwe kane wezifo kunye nezibonelelo ezinyiniweyo, iSebe libonakala lizimisele ukwamkela izixhobo zedijithali kunye nesicwangciso sobuchule. “Utyalo-mali lweSebe lezeMpilo leMpuma Kapa lweminyaka elishumi kwi-HMS2 lubeke isiseko soguqulo lwenguqu kwezempilo,” uvale ngelo uCapa.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks