Home Iindaba ISEBE LEZEMPILO LAZISA ABANTU UKUBA BANGAMAMELI BONKE UBUXOKI NGE VENKILE ZABOKUFIKA.

ISEBE LEZEMPILO LAZISA ABANTU UKUBA BANGAMAMELI BONKE UBUXOKI NGE VENKILE ZABOKUFIKA.

Umnyango weZempilo Uthi abantu mabangamameli yonke into esasazwa kwi nkundla zokuxumana emva kokuba kuvezwe kwinkundla zokuxumana ivenkile ese Kapa eyenza i sausage ngemyama yenja.

By Ongeziwe Ntondini

ISebe lezeMpilo lezeNdalo kwisiXeko saseKapa libongoze uluntu ukuba luyeke ukusasaza amarhe angayonyani okuba kusetyenziswe ukutya kwezinja ukwenza iSausage kwindawo yaseMfuleni.

Amagosa kamasipala kunye namapolisa agqogqe indawo ekwenziwa kuyo i-sausage engabhalisanga kule veki.

Abemi bamazwe angaphandle abahlanu babekwe ityala lokuqhuba ngokungekho mthethweni isilarha kunye nokuvelisa inyama ngaphandle kwesiqinisekiso esisemthethweni sokwenza oko. Umtyholwa wesithandathu, umntwana osemncinci nojongene nezityholo ezifanayo, ukhululwe phantsi kweliso lomgcini.

Abanini ababini baseSomalia, uMohammed Abdi Kadiye, oneminyaka engamashumi amathathu (34), kunye noMohammed Ali Ahmed, nabo batyholwa ngokuqesha abantu basemzini kweli lizwe ngokungekho mthethweni. Bavele enkundleni ngoLwesihlanu.

Eli qela lizakubuyela enkundleni ngoMvulo. IiNkonzo zoLuntu kunye neMpilo MMC uPatricia van der Ross uye wacacisa ukuba akukho kutya kwezinja kufunyenweyo kwindawo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks