Home Iindaba Isebe lezempilo livule amaqela ukuba ajongane nesikrokro sekholera

    Isebe lezempilo livule amaqela ukuba ajongane nesikrokro sekholera

    Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithe thaa phantsi kulandela ikhwelo elijolise kwiintsolo zokuqhambuka kwwsifo sekholera.

    Isithethi sesebe uSizwe Kupelo uthe isebe liqalise ukusabela ze labeka esweni elibukhali kuqhambuko lwekhorela njengenyathelo lokhuseleko.

    Uthe isigulana esineminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) saseWalmer eGqeberha siye sangeniswa sodwa kwisibhedlele iLivingstone, kulindelwe iziphumo zetyhefu ezivela kwiziko lesizwe lezifo ezosulelayo.

    Nangona kunjalo esisigulane sikwimeko ezinzileyo.

    UKupelo uthe la maqela azakusebenzisana nomasipala ukwenza umkhondo wonxibelelwano.

    Uthi le nkosikazi ibizimase umngcwabo kwiveki ephelileyo, ihleli nomntwana osemncinci kwaye ayizange ihambe ngaphandle kwaseGqeberha.

    “Iinkonzo zezempilo zokusingqongileyo sele zithathe iisampulu kwiindawo zokucocwa kwamanzi amdaka ukuze zivavanywe elabhoratri, kwaye iziphumo zibuye zingenayo ikholera,” utshilo uKupelo.

    “Isebe linqwenela ukuyibethelela into yokuba akukho nanye imeko okanye isigulo esixeliweyo kule ndawo.

    “Amalungu oluntu ayabongozwa ukuba aziphathe kakuhle [kwaye] ahlambe izandla zawo ngesepha. Iimpawu zekholera ziquka urhudo olungamanzi, isicaphucaphu, ukugabha kunye nokuphelelwa ngamanzi emzimbeni.

    “Ukuba ayinyangwa, ingakhokelela ekufeni,” ulumkise watsho uKupelo.

    Uthe ikholera inokusasazeka ngokutya namanzi angcolileyo.

    KweyeSilimela kulo nyaka, bangamashumi amane anesithathu abantu ababhubhe sisifo sorhudo kumaphondo amahlanu.

    Ngelo xesha, iMpuma Koloni ayizange ichaphazeleke.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks