USekela Mphathiswa wezeMpilo, uGqirha Sibongiseni Dhlomo, ekunye noMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth kulindeleke ukuba bahlehlelele bekwanikezela ngomatshini ngowokuqala ngqa wokuphehla nokuthengisa ingqoqo – nzala eMzantsi Afrika.
Oku kuyinxalenye yeenzame eziqhubekayo zokuphucula ukusetyenziswa kweendlela ezahlukeneyo zokuthintela nokukhawulelana nesihelegu sokukhulelwa kolutsha kweli lizwe,” sitshilo isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni, uSizwe Kupelo.
UKupelo uthe eli phulo lijolise kumantombazana nabasetyhini abakwiminyaka yokuzala ukwandisa ukufikelela kwimpilo yokuzala kunye neenkonzo zothintelo legciwane i-HIV.
“Ikwakukunciphisa ukukhulelwa okungacwangciswanga nto leyo ekhokelela ekuphunyelweni kwezisu ngendlela engakhuselekanga,” wongeze watsho uKupelo.
Uthe uSekela Mphathiswa kunye noMphathiswa baza kongamela owona mboniso kuluntu ngendlela aba matshini bokuthengisa basebenza ngayo.
“Aba matshini bathengisayo baza kuthwala iintlobo ngeentlobo zezicwangcisi ezithathwa ngomlomo ezifana neNordette, iTriphasil, iMicroval, i-Ovral, kunye nezithinteli-ntsapho ezingxamisekileyo (morning after pill) nothintelo lwe-HIV ezifana nezixhobo zokuzivavanya i-HIV, izinto zokuthambisa, iikhondom zamadoda nabasetyhini, uvavanyo lokukhulelwa kunye nococeko lwangaphantsi.
“Ezi ziza kubekwa kwiindawo zikawonke-wonke ekulula ukufikeleleka kuzo nezixakekileyo ezifana namaziko emfundo ephakamileyo, kudederhu lweevenkile, iindawo zakwaSASSA, njalo njalo kwilizwe liphela,” utshilo uKupelo.
Ukongeza, uKupelo uthe uMzantsi Afrika ubone ukwanda okothusayo kokukhulelwa kolutsha kule minyaka mithathu idlulileyo, ngamantombazana angaphezu kweshumi elinanye lamawaka, namakhulu amahlanu eerandi (11,500) aphakathi kweminyaka elishumi neshumi elinesine athe azalela abantwana kumaziko ezempilo karhulumente.
By Siyakholwa Vuso
