Isebe lezothutho eMpuma Koloni lithathe inyathelo lokurhwebesha amagosa eSARS (South African Revenue Services) ngethuba lidibene nabasebenzi bezothutho lwabafundi, iSANTACO kunye neebhasi eMthatha ngoMvulo umhla wesithandathu (6)kuCanzibe.
Umphathiswa wesebe lezothutho uXolile Nqatha uthi isigqibo sokungena kwaSARS sinyanzeliswe kukubona inani labasebenzi elifunyaniswe likwicala elingelilo lokuthotyelwa kukaSARS, nto leyo enegalelo kwimingeni elijongene nayo isebe ekuhlawulweni kwee-invoyisi zothutho lwabafundi. Abanini-zithuthi balamkele eli nyathelo baza bathembisa ukuba baya kufikelela kumntu ngamnye kwi-SARS ukujonga isimo sabo nokuqinisekisa ukuba bathobela imigaqo.
Ukanti le ntlanganiso ibijolise ekujongeni ukuba isebe lihambe kangakanani na ukujongana nentlawulo phakathi kweminye imiba enxulumene nothutho lwabafundi.
Isebe liqinisekise abasebenzi ukuba isixa-mali esingekho ngaphantsi kwamashumi amahlanu anesithathu sezigidi sele sijongiwe ukuze kuhlawulwe amabango angekahlawulwa nasemthethweni. Imali iya kubonakala kwii-akhawunti zebhanki zabaqhubi ngoLwesithathu umhla wesibhozo (8) kuCanzibe, ze intlawulo elandelayo ibe ngomhla weshumi elinesihlanu (15) kuCanzibe ukulungisa onke amabango angekahlawulwa ukususela ngeyoMqungu kulo nyaka.
